ISinethemba Foundation izisa ithemba kwabangenalo

Amalungu ombutho ongenanto nakwenza norhulumente iSinethemba Foundation yaseBhayi enjongo ikukunceda amaxhoba eentlekele zokutsha kwamatyotyombe eBhayi UMFANEKISO: UTHUNYELWE.

Emva kwentlekele eyenzeke ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga ephelileyo yokutsha kwamatyotyombe, apho abantu abangapha kwamashumi amabini beshiyeke bengenamakhaya kwaye kwabhubha nomntwana wamnye KwaZakhele eBhayi, * -Umbulelo Bam nongumhlali eBhayi, uthi ayikhange imhlale kakuhle le nto yokubona abantu behamba bengcuchalaza kwaye babe bengahoywa nangurhulumente.

Kungoko ebone kubalulekile ukuba aseke umbutho ekunye noogxa bakhe iSinethemba Foundation oza kuthi ulwe neengxaki zeentleke ezenzeka kula mmandla.

UBam encokoIela I’solezwe uthi nangona nje basalinde ukuba ubhaliswe ngokusesikweni umbutho wabo iSinethemba Foundation, oko akubamisanga bayaqhubekeka nokunceda ezi ntsapho.

Uthi bahambe becela inkxaso kumashishini enjengempahla kwakunye nokutya.

Uthi ngamanye amaxesha ukhupha kuye empokothweni kuba uncedo akulufumani yonke imihla kosoomashishini.

Uthi ukuqala kwakhe ukufika kwezi ntsapho babeyokuncedisa ngeempahla njengoko babephelele kwezo zisesinqeni kuphela kubazali kwakunye nabantwana.

“Ngethuba siyokuvelela ezi ntsapho emva kwentlekele, sibasele iimpahla zokunxiba sabona ukuba aba abadingi zimpahla kuphela, badinga nale isiwa phantsi kwempumlo. Saye sazibophelela ukuba rhoqo ngeeCawe siza kubaphekela ukutya okupheleleyo kwaye simane ukubasela nokunye phakathi evekini. Siphekela eCripple Care Centre KwaZakhele,” utshilo uBam.

Uthi enye yeenjongo zabo kukwenza umohluko ekuhlaleni hayi kwezi ntsapho kuphela nakwezinye iindawo eziseBhayi.

ISinethemba isekwe ngomhla wesibini kule nyanga. Amalungu ayo alishumi ewonke ekhokelwa nguBam.

Bathi umbono wabo kukuncedisa amaxhoba ekubeni afumane uncedo kwaye nokubuyisa ithemba kwabo balahlekelwe lilo, kungoko bezibiza “Sinethemba”.