Isingcwabo sesithwakumbe samaxhoba okubethwa lizulu

Nwabisa Nani

Usapho lakwaNani kwilali yaseMantshilibeni kuVonqo eDutywa, lusakhala esimantshiyane emva kokuba kuthe kwabhubha isithathu sabantwana ngenxeni yokubethwa lizulu bengaphakathi kwindlu enguronta kowabo.

Amaxhoba abhubhileyo nguNwabisa Nani (19), Asenako Nani (8) kwakunye nomzala wabo uSivuyise Makeleni (14). Utata wamaxhoba uNozu Nani encokola nephephandaba I’solezwe, udize ukuba kubuhlungu okubehleleyo kodwa banyamezele.

“Sikwamkele okuthe kwasehlela, ukubhujelwa ngabantwana abathathu ngexesha elinye singalindelanga, kodwa akukho nto siza kuyenza sele kwenzekile. Nguninakhulu wabo ophetheke kakubi sesiganeko, nangona nje ebehleli enempilo enkene-nkene umthetho wakhe.”

Uthi amaxhoba ebehleli nabanye abantu bakowabo ngethuba kusenzeka oku, kodwa izulu liye lakhetha esi sithathu kuphela nesiye sabhubha ngoko nangoko singekayi nasesibhedlele.

Uthi oku kuyabonisa ukuba ibingabantwana abalungileyo njengoko nesikolo ebebefunda kuso sidandathekile.

Aba badala babini bebefunda kwisikolo samabanga aphezulu eThubelihle S.S.S, omncinci ebefunda kwisikolo samabanga aphantsi eUpper Boloto.

Amaxhoba aza kubekwa kwikhaya lawo lokugqibela kulo Mgqibelo sijonge kuwo.

UNani uthi bekulindeleke ukuba oonontlalo-ntle baseDutywa bayokoluleka ngokwasengqondweni abafundi kwakunye nabahlobo bamaxhoba.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha, uthi esi sehlo senzeke ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngala mhla.