IsiNgesi asinanto yakwenza nobukrelekrele

Abafundi abavela kwizikolo ezohlukeneyo bedibene kwingxoxompikiswano eMonti imifanekiso: BHEKI RADEBE

Omnye umntu angabanga ngelithi awunakuqashwa kumazwe aphesheya ungakwazi ukuthetha isiNgesi, logama omnye enokuthi ungakwazi ukubayiyo le nto unqwenela ukuba yiyo ngaphandle kwesiNgesi kuba asinanto yakwenza nobukrelekrele.

Ezi zimvo ziphikisanayo zezabafundi abaphuma kwizikolo zamabanga aphezulu ngethuba izikolo ezilishumi zaseMonti nesinye kuzo isesaseDutywa bezibambe ingxoxompikiswano eBuffalo City FET College ngoLwesihlanu.

Le ngxoxompikiswano ibimalunga nokufundiswa kwanokufunda ngolwimi lwenkobe ezikolweni, ibiqhutywa yiCommunity Action Africa nengunyaka wesine lo iqhuba eBCC.

UMusa Dingane nongumfundi waseKusile High uthi awunakuze uye ndawo, uya kube uyazinqanda okanye uzibophelela wena ukuba into onqwenela ukuba yiyo soze ube yiyo ngenxa yokuba usithi awusazi isiNgesi.

“Oku kubeka umda kumandla okanye ubuchule bethu xa usithi eMelika soze uye kuba awusazi isiNgesi. Oku kukuzivalela amathuba nokuzijongela phantsi xa ungazukwazi ukuya kuba usithi awukwazi ukuthetha isiLungu, ngelo xesha sinabantu baseChina abeza bengazi siNgesi kwaye bavula amashishini baqhubekeka nobom, zange babanjwe sisiXhosa,” utshilo uDingane, ekwicala elivumela ukuhlohlwa ngolwimi lwenkobe.

Umfundi waseAlphandale uthi yena ubona kubalulekile ukuba kuhlohlwe ngesiNgesi ukwazi ukulungiselela nezinye iintlanga, esithi oko kwakuthi kubenzele lula nabo xa beye eMelika.

Uthi ubom bulula xa usazi isiNgesi kwaye uyaya naphi na kwaye ubenalo nethuba lokwakha incoko nezinye iintlanga.

“Umsebenzi uwufumana lula xa usazi isiNgesi kwaye naxa uyokuba ngugqirha phesheya akukho mntu uzokutolikela,” oko kudizwe ngumfundi waseAlphandale nobekwicala elingavumelaniyo nenkqubo yokuba kusetyenziswe ulwimi lwenkobe xa kuhlohlwa.

Inqununu yaseBCC, uDharamchand Singh, udize ukuba ngokophando olwenziweyo luthi xa umntwana ehlohlwa ngolwimi lwakhe kulula ukuba ayibambe kwaye ingene into ayicaciselwayo kunaxa ehlohlwa ngolwimi olungelolwakhe.

UMlawuli oyiNtloko kwiSebe lezeMfundo ePhondweni, uNaledi Mbude, nobemele uMphathiswa weSebe, uthe ayikho into embi ekwazini isiNgesi, kodwa bazi ubukrelekrele bakho ukuba abuxhomekekanga kuso.

Uthi uluntu lwakhobozeka ingqondo kuba lunento ecinga ukuba xa usazi isiNgesi ungcono kodwa kube kungenjalo.

“Sazi isiLungu kodwa qiniseka mfundi ukuba nezinye uyazazi kwaye uyaqatsela kuzo izifundo,” utshilo uMbude.

Izikolo ezithathe inxaxheba kule ngxoxompikiswano yiMzokhanyo High, John Bisseker High, Sinovuyo High, Centre of Excellent, Academy High, Kusile High Alphandale High, Qaqamba High, East London High, Green Point High kwakunye neso besifunda uMiss Universe ka2019 iCannan Academy eDutywa.

Esinye sesikolo esele siqalile nokuhlohla ngolwimi lwenkobe yiNgubethole Bam eDutywa. Isikolo esithe saphumelela ngoLwesihlanu ibe yiGreenpoint High safumana imbasa kwakunye nemali eyiR7,500 umfundi, bexhaswa yiJeep College.