Isingqi Sethu Fesitival iguqule ubomi bukaNosiphiwo Potelwa!

UNosiphiwo Potelwa yimvumi yomculo kamasikhandi yaseSajonisi. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Abantu abathanda ingoma nomxhentso bebonwabe ngendlela emangalisayo kumnyhadala womculo obuququzelelwe liSebe lezeMidlalo, iNkcubeko noBugcisa kwiphondo leMpuma Koloni. Njengeminye iminyaka egqithileyo, Isingqi Sethu Cultural Festival inike iimvumi iqonga ukuze zigqamise iitalente zazo emcimbini obumhle edolophini yaseSajonisi ngoMgqibelo odlulileyo.

Phakathi kweemvumi ezithe zaxhamla okokuqala kwinkqubo yeSebe nguNosiphiwo Potelwa welali yaseMantusini, eSajonisi. I’solezwe lesiXhosa lithethe naye emva kokushumisa abantu ngeengoma zakhe ezimnandi (zikamasikhandi) ezikhatshwe ngumxhentso othandwa kakhulu eMampondweni ekuthiwa yimfene. “Ndonwabe kakhulu. Ingathi yimini yam yokuzalwa le. Andazi nokuba ndingathini, ndonwabile,” utshilo encumile.

Phantsi kwegama lakhe njengomculi kamasikhandi, uNosiphiwo unamacwecwe amabini. Wayekade ecula igosipile – kodwa waguquka mhla kwafika umntu ephupheni owathi makacule ngenye indlela ngoba uya zilibazisa. Nakubeni ebekuthanda ukucula umculo wokholo, kodwa uthi wonwabile kumasikhandi futhi akabalahlanga abantu abamqhelele kwiingoma zecawe.

“Ndinabantu abaninzi endabaguqulayo ngethuba ndisacula umculo wokholo futhi abaphilayo xa ndithe ndabaculela, ndonwabe kakhulu apha kumasikhandi. Abantu bayandikhuthaza; bathi le yeyona nto endifaneleyo ngoba ndibaculela kakuhle kuyo. Izinto zam zatshintsha ndakungena kumasikhandi.

“Ndiyaxolisa kubantu benkonzo, kodwa andibashiyanga kwaphela,” utshilo uNosiphiwo. Emva kokucula kwiSingqi Sethu Festival, le mvumi yaseSajonisi ibe nombulelo omkhulu futhi inomnqweno wokuvakala kwilizwe lonke. “Ndifuna ukucula kuvakale ilizwe lonke. Ingase ubomi babantu buguquke ngenxa yalo mnculo wam.

“Ingase kubekho utshintsho nalapha kum ngoba andinazo izinto zokucula futhi nasekhaya kunzima kakhulu. Ndifuna ukubulela Isingqi Sethu Festival ngoba seyiqalile ukundivulela iminyango. Ekhaya kuyatyiwa ngenxa yayo. Mna ndiyaqala ukubona imali ebhadlileyo ngale yeSingqi Sethu. Bendikade ndiphiwa amashumi ngabantu ezitalatweni,” uvale ngaloo mazwi uNosiphiwo.