IsiNtu sibulawa zizithethe

Izizathu zokuba ndiqambe esi sihloko singentla kukuba ndikhe ndathi rhithi unkwentenkwente wento ethi iilwimi zesiNtu zaseMzantsi Afrika zingasetyenziswa ngokuthi kuhlohlwe ngazo abantwana ezikolweni.

Into ethe qatha kum kwangoko ibe kukuba ngaba kanene kuza kuqalwa njani, ndawoni, luhlobo luni.

Isizwe esiNtsundu esisandula kukhululeka kwimeko yengcinezelo eMzantsi Afrika sifuthelwe kakhulu yile meko siphuma kuyo. Abantu basazidelile, kwelinye icala into yokuthi bafundiswe ngeelwini zemveli bacinga ukuba ibafudusa kubuncwane bezinto ezinencasa nobunewunewu bomLungu.

Ingcinezelo kwakhona idale ukuqunywa kwezinto ezininzi. Amagama angathukiyo afana nala alandelayo: isimumu, isifombo, isilima, inkawu, inyholi, isithulu, imfama, adalwe ngokutsha kwathiwa kukukhubazeka kulungiselelwa imeko yesithethe socalucalulo sobupolitiki.

Ucalucalulo yinto entsha kubantu abaNtsundu abagagene nayo ngokuthi bahlangane nomLungu.

Le nto yala magama indenzele iinkumbulo ngesifundo sezendalo endandisithanda ndisengumfundi eNgwenze SSS eBholothwa eDutywa, ndisihlohlwa ngongasekhoyo uNkosk. Nobubele Mbekela, owayesithi: ukutya oku sikutyayo kungena emzimbeni ngomlomo, kufike ngaphakathi esiswini emathunjini kuhluzwe kungene ngemijelo ngemijelo, kuze okulungileyo kushiyeke ngaphakathi njengezakhamzimba, okungalunganga isiphelo sako ibe kukuphuma ngendu… sekubiza ngokuba bubu… (yonke le nto wayeyithetha ngesiNgesi).

Esi sifundo sakhupha oogqirha endibaziyo. Omnye wabo ndikhe ndaya kuye kule nto yam yokukhathazwa yimpilo emandundu.

Icebo uthe makhe silinge into entsha makuthathwe amathe, kutsalwe igazi, ndingene kwezi zindlu zangasese ndize nomchamo nobu… kuze kufunyanwa into endigulisayo. Tyhini eza mfundiso zikaNkosk. Mbekela zinegalelo empilweni. Emva kokuba zibuyile iziphumo ndaziva ndinokuchacha.

Njengokuba ke apha esiNtwini la magama siwaquma, siza kubafundisa njani abethu abantwana babengoogqirha ngezi zinto abazaziyo ngolwimi lwabo.

Omnye umdla wam kukuba kule mihla yomLungu kukho ulwimi olusetyenziswayo ngabantu abazizimumu nabazizithulu.

Ngaba ngaphambili phaya singekadibani nomLungu yayingekho indlela yokuthetha esinxibelelana ngayo nabo. Ngaba babecalulwa kuhlekiswe ngabo?

Iimfama ezininzi endihlangene nazo ezingazanga zawubona umnyango wesikolo zingamachule okuthetha, ziyakwazi nokuzenzela izinto ezininzi, ezinjengokubetha iinkinge, ukuqoqa iintonga, ukoluka iinkuko nokwenza izithebe neengobozi. Ngaba ulwazi olungaka zilufumene phi, kanjani? Ngaba yonke loo nto ziziphumo zokucalulwa kwazo?

Iilwimi zemveli ziza kusetyenziswa kude kuvele oogqirha.

Ngaba akukho semdleni wemfundo na ukulandela iimeko zokukhubazeka kwabantu kusetyenziswa iilwimi zabo. Budalwa yintoni ubumfama, ubufombo, ubunkawu, ubumumu, njalo njalo?

Esinye isihlava esikhoyo kwizithethe zesiNtu nesenza abantu bangqingqize emva kwinkcubeko nemfundo kukuqunywa kweembali zokunaba kwezifo ezithile kusetyenziswa umzekelo wesifundo ngomzi othile wasemathileni okanye uhlanga oluthile. Loo nto bayibona njengesenyeliso nokucalulwa kuhlekiswa ngabo ngabeLungu.

Ngale ntsasa ndithi makhe ndityhile incwadi yezifundo ngendalo ethi, ‘Senior Secondary Biology 9,’ eyabhalwa ngo1988 ngaba: A.L. Smit, D.E. van Dyk, A.J. van Antwerpen, H.E. Fox, E.F. Hennessy, A. Gebhardt. Apha kuyo nditsalwa zizifundo ngofuzo ezabhaqwa yindoda egama linguGregor Mendel (father of genetics). Kule ncwadi kuthiwa abantu bobukhosi baseYurophu banesigulo sokopha kakhulu (haemophilia).

Esi sigulo saqala ukuqatshelwa kunyana kakuKumkanikazi uVitoliya wasemaNgesini ogama linguLeopold of Albany nabazukulwana abanguBeatrice noAlice.

Esi sifo ngabo abasithwalayo. UBeatrice nguye owasithwalayo, watshatela kubukhosi baseJamani, umntwana wakhe watshatela kubukhosi baseRussia.

UAlice watshatela kubukhosi baseSpain wasithwala wasisa khona. Kwaphawulwa ukuba umntu owayenolu fuzo nguKumkanikazi uVitoliya, abanye aba baluthathela kuye, njengoko umyeni wakhe uEdward wayengenaso.

Isifo secesina ekuthiwa yipolyposis kuthiwa eMzantsi Afrika sifumaneka kakhulu kubantu bomlibo wamaDatshi; isifo ekuthiwa yihunting’s chorea esikhokelela ekuphambaneni, kuthiwa apha eMzantsi Afrika sininzi kakhulu kubantu bomlibo wamaFrentshi abakwisithuba seminyaka engamashumi amane.

Ukuba ungakhe lo mba uwuthi cha uphande ngesigulo esimalunga nobukhosi besizwe sabaNtsundu esithile, ungaba abo bantu ubathuke ngonina bangakufaka ematyaleni, nangona kusemdleni woluntu nezempilo. Kuthiwe uphoxisa ngabo.

Kunzima nokulanda impazamo esiXhoseni eyenza ukuba abantu abafundileyo basithathe njengesangunda solwimi olwaluthethwa kudala ziimpobole namaxhego awabhubhayo.

Ukuba ungayiveza into yokuba isizathu kukuba bonke ababhali besiXhosa ababangoovulindlela ekushicilelweni kwaso, kwakunye nabahlohli bokuqala ukusihlohla yayingabantwana bamagqobhoka abangazange babuphile ubomi besiXhosa bamaXhosa, izinto ababhale ngazo uninzi lwazo babaliselwe ngazo, ezinye bazithe ntla nje kancinci, kungathiwa uyanyemba. Ugqwalisa abantu.

Xa uchaza ukuba enye impehla ekurekhodisheni izinto zethu kukonqena ukufunda kwesizwe esiNtsundu, kuza kuthiwa uyaxoka abantu banezidanga neediploma. Uthethelela abeLungu.

Yiloo nto ebangela ukuba singakwazi ukuqhayisa ngesiNtu sethu.