Uluntu lwaseMpuma Koloni, ingakumbi kwimimandla yasemaMampodweni, lukholelwa ukuba ukuqubha nokuqaba isinuka saseSajonisi yimbuyekezo engathethekiyo kwintlahla nempilo entle.
Kule mpelaveki, ngethuba i-arhente yezokhenketho nemiyezo yaseMpuma Koloni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency) ibihamba negqiza leentatheli, abantu abadala nabatsha abasuka kwimimandla efana neSajonisi, Lusikisiki naseMthatha bebengungelene kwisinuka.
Kule ndawo kuvakala ukuba kuhlala kuyinyambalala. Lo sinuka ufumaneka xa ungene ngaphakathi emqolombeni. Kukhona namadanyana amathathu anamanzi abilayo aphuma amaqampu ngokwendalo.
Uye ufike ungcobhe uthambise ebusweni bakho okanye uqabe umzimba okanye iinyawo xa unenyawo eziqaqambayo nekukholelwa ukuba nezinye izifo ezifana namaqhakuva, imigqwaliso, ukurhawuzelelwa ziphela zithi nya ngokokutsho kwabo basebenzisa isinuka.
Uluntu kwesi sinuka lukholelwa ukuba isinuka siyalenza ithamsanqa lokufumana umsebenzi.
Kula madanyana kulapho ufaka khona umzimba wonke. Akukho mntu umdala kungekho mntwana, zonke phakathi.
Intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu yaseZibungu eLibode uthi uye kwisinuka kuba ufuna umtshato.
“Kokokuqala ndisiza apha ndifuna umtshato kuloDisemba. Ndikwafuna nomsebenzi, abantu abaninzi endibaziyo bayalunga xa beze apha ndizincamile kudala ndeva ngayo,” utshilo.
Ukanti nomama ozibize ukuba unguMamgqwarhu ubefake ubuso bakhe bonke kuba esithi ufuna kuphele iintlungu zamehlo akhe athi ayaqaqamba. “Nam ndiyaqala ukuza apha ebomini bam. Kudala ndeva ngale ndawo ndingade ndibenathuba, kodwa ithemba ndinalo kuba ndisuka kude eMthatha into endiyaziyo soze ndilihambele ihala ndizakukha namanzi disele andigutyule,” utshilo uMamgqwarhu.
Okhokhela abakhenkethi kwesi sinuka uJimmy Selani uthi la ndawo ayiyokabani, yindalo kaThixo.
USelani uthi abelungu abathile bakhe bazama ukuyibiyela bezama ukuyibanga befuna ubutyebi kuba besithi bafuna abantu xa bengena beyokubona okanye beyokukha bahlawule.
“Kulapho kwasa sele ungekho umqolomba lo wavele wayoqala kwenye indawo, ndawo leyo sele uzinze kuwo nanamhlanje” .
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party