Isinxibo esifanelekileyo kootitshala siyafuneka

Kule veki ndiqalise kwisikolo seeholide zasebusika ukufundisa abafundi abakuGrade 9 ukuya kutsho kuGrade 11 ngoMgaqo-siseko weli lizwe kunye nomthetho ongamalungelo abantu.

Ngosuku lwam lokuqala ndifike esikolweni ndinxibe isuti enezembe. Ndithe ndifika nje kwacaca nakuthathatha ukuba andingotishala, ngenxa yesinxibo sam esahlukileyo kwesabanye ootitshala ebebezinxibele iihempe zokudlala igalufa kunye neebhulukhwe zejini. Ndiqaphele okokuba kunjalo nakubantwana besikolo abanxiba iitracksuit okanye abangamantombazana anxiba iibhulukhwe ezigreyi.

Utitshala oyintloko kwesi sikolo undamkele bukundiqhula ngelithi mandingabinaxhala, koko ndithi kwababuzayo bendicinga ukuba lusuku lokusweka. Endifikele kuko akundiyekisanga ukunxiba iisuti.

Kunika umdla ukuqaphela ukuba ezikolweni nakwiindawo esisebenza kuzo sekunxitywa nje ngoku iimpahla ezikhangeleka komnye umntu njengempahla zemini.

Kwimisebenzi ngemisebenzi imigaqo malunga nohlobo olufanelekileyo lokunxiba ayinyanzelisi ukunxitywa kohlobo oluthile lweempahla. Kuthiwa nje: zikhethele wena isinxibo esikufaneleyo.

Nangona kunjalo kweminye imisebenzi efana neyamagqwetha asebenza kwiinkundla zomthetho, ukunxiba isuti yinto eqhelekileyo nendibonayo ukuba indosulele nam. Kusengenzeka ukuba itekhnoloji inefuthe elingummangaliso kuhlobo ekunxitywa ngalo ezikolweni nasemisebenzini kuba kaloku isibonisa imifanekiso yeefashoni ngeefashoni zabantu ngabantu kuquka abo basebenzela ekhaya. Abantu abasebenzela ekhaya bayafaneleka nokokuba banxibe iimpahla zemini kuba abekho se-ofisini apho kunxitywa iisuti namaqhina.

Ukunganxitywa kweesuti emsebenzini kunye neyunifom esikolweni kuqale kancinci ngento ebizwa ngokuba yiCasual Friday apho abasebenzi nabafundi bevunyelwa ukunxiba iimpahla zemini.

Emisebenzini ezi Casual Fridays zaqaliswa njengento ebonisa umbulelo kubasebenzi ngokuzinikela kwabo besebenza nzima iveki yonke, ngoko ke usuku lwangoLwesihlanu lukholisa ukuhambisana nokokuba kutywe ndawonye isidlo sasemini.

Kuthi ke ongahambisaniyo nokunxiba iimpahla zemini esikolweni okanye emsebenzini adliwe imali ethi ikhulise ingxowa esetyenziselwa izinto-yinto zabasebenzi okanye abafundi.

Okufika kuxake kukuba ingaba olu hlobo lokunxiba iimpahla zemini emsebenzini okanye esikolweni noseluthande ukuwanda lusetyenziswa ngohlobo olululo na nolwenza ukuba kubekho ucwangco nentsebenzo eneziphumo ezincomekayo?

Njengoko ndiqaphele kwesi sikolo sasebusika ndifundisa kuso, oyena somaqhuzu kootishala ngoyena ubagqwesa bonke ngesi sinxibo, njengoko iihempe zakhe zingahlohlwa yaye iikhola zazo zisoloko zime nkqo ngokungathi ugwayimbile.

Nditsho neeteki zakhe ezinemitya enemibala ebhontibhonti zinika umfanekiso womntu oze emdlalweni endaweni yomntu oyinqununu yesikolo. Kuyacaca kum ukuba ukunxiba isuti akuselophawu lokuba nabagunya angentla kunawabanye kuba zikhona neenkampani ezinabaphathi abangazinxibiyo iisuti. Ingaba yintoni ke ebonisa amandla kwisinxibo esinxitywayo kule mihla, uyazibuza? Kukuzikhethela. Kukunxiba nantoni na okhetha ukuyinxiba.

Nangona ndinombulelo ngento yokokuba kungasanyanzelekanga ukuba umntu anxibe isuti okanye iyunifom nokokuba akathandi, nokokuba sisengaphakamisa ifashoni nomfaneleko kwiindawo esisebenza kuzo, ndifuna ukuthi kubalulekile ukuba kunxitywe ngokufanelekileyo emsebenzini nangabafundi esikolweni. Xa umntu enxiba kusasa kufuneka azibuze umbuzo: kungenzeka ntoni xa ndinokudibana nomntu ongangumqashi wam ndinxibe ngolu hlobo?

Kungenzeka ntonti xa ndinokudibana nomthengi obalulekileyo kwishishini lam? Ingaba ndifuna andikhumbule ngetalente yam okanye ngohlobo endibukeka ngalo kwisinxibo sam sempahla yemini?

Undoqo kuhlobo lokunxiba ngolu hlobo kukungazibaxi izinto njengoko uhlobo esinxiba ngalo lunegalelo ekusiphumeleliseni emsebenzini nokokuba umntu usebenza e-ofisini apho umphathi enxiba iiteki. Emasikukhumbule kukuba inyani kukuba, kubalulekile ukunxiba ngohlobo olubonisa umsebenzi nesikhundla onqwenela ukuba kuso, hayi ukunxiba ngohlobo olubonisa umsebenzi okanye isikhundla okuso namhlanje. Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!