Isinxibo esihle siyazogquma iingxaki

Imvumi yomculo wokholo * -Unathi Luthweyi Ndzube ngethuba ethetha namanina asematsha ngohlobo lokuziphatha eGonubie eMonti.

Uhlobo othi unxibe ngalo ikwalulo oluthi lukubonise ukuba ungumntu onjani ebomini kwaye uphila kanjani. Oku kudizwe ngu-Unathi Ndzube ngethuba esakha ekwakhuthaza amanina asematsha ngohlobo anokuthi aziphathe ngalo kwaye anxibe ngalo.

Ebethetha kwinkomfa yamanina ebiqhutywa ngabakwaSurf eGonubie Hotel, eMonti, phantsi kwephulo iSurf School of Shine.

UNdzube ukhuthaze amanina esithi mawazixabise. Uthi nokuba unxibe impahla ekwixabiso eliphantsi kodwa mayibeyinto efanelekileyo.

“Kwindawo odlule kuyo makushiyeke kuthethwa ngawe, umntu arhalele ukwazi apho uthenga khona. Akunyanzelekanga ukuba uthenge iimpahla ezibiza ixabiso eliphezulu, xa ungumntu wasetyhini sebenzisa ingqondo yakho udibanise iimpahla ubemhle,” kutsho uNdzube.

Uthi amanina ngawona axhaphazekayo kodwa awusoze utsho ukuba anemithwalo xa esele emahle ehamba pha. “Isinxibo esihle siyazogquma iingxaki. Kubalulekile nokuba noxolo ungumntu, kuba uyakuthi ngoku sele unxibe kakuhle kubenzima ukuba uncomeke ngenxa yokungabi nabuso bondwendwe,” utsho uNdzube.

Ukwakhuthaze amanina ukuba mawaphakame azimele naphantsi kweyiphi na imiceli-mngeni ajongana nayo. Uthi naye wakhula nzima kodwa oko akuzange kumtheze mandla, koko ekule ndawo akuyo nje namhlanje kungenxa yokwazi ukumelana nobunzima esakhula.

ULeanne Houston wakwaSurf uthi injongo zabo zokudibanisa amanina kukubonisa ukuba, uSurf akajongananga nakuhlamba iimpahla kuphela, maninzi amathuba. Ibikwakuku dibanisa namanina acebisane ngentlalontle.