Ungcwatyelwe kumadlaka aseCofimvaba, ngentsasa yangoLwesihlanu uNosiphelo Kamnqa (9), kulandela inkonzo yomngcwabo ebibanjelwe kwisikolo saseCofimvaba Village JSS, nebizinyaswe lusapho, izihlobo, amagosa asuka kwisebe lezemfundo nelempilo, oonontlalontle, amagosa akwamasipala waseNtsika Yethu nabahlali jikelele.
UNosiphelo ozalwa nguPumla Kamnqa noMzukisi Ncilela kusapho oluhlelelekileyo ubengumfundi webanga lesithathu eCofimvaba Village JSS.
Othethela usapho uVuyokazi Kopman uthe: “UNosiphelo uye waduka ngoLwesine (31 kweyoKwindla), abazali bakhe bayobikela amapolisa aseCofimvaba, kwakhangelwa waza wafunyanwa umzimba wakhe ngoMgqibelo (Tshazimpuzi 02), ufunyanwa ngumntu obezihambela kwihlathana elingasePholi, kubonakala ukuba uye wadlwengulwa phambi kokuba akrwitshwe asweleke.”
Inqununu yaseCofimvaba Village JSS uMzukisi Mdlankomo usebenzise igunya lakhe alinikwe yi-ofisi yesithili ukuvumela ukuba inkqubo yesikolo iphazamiseke okolusuku lunye, ukuze iqhutyelwe esikolweni apho le nkonzo nanjengoko ikhaya lingemanga kakuhle nakwindawo yokuhlala.
UNokwethu Rotyi onguceba wakwaWadi 15 nobethethela uSodolophu Kholiswa Vimbayo obengekho, uthe:
“Ngabantu abangenantliziyo koko abanobusathana abanokwenza izinto ezinje kuba abantwana ngabokuthandwa, ukondliwa, ukunxityiswa nokufundiswa ukuba bakhe eli lizwe.”
Utitshalakazi kaNosiphelo uMnani uthe: “Ibingumntwana ozivezayo lo, othanda ukuthandwa, esoloko edlamkile efuna yenziwe nguye yonke into.”
Amapolisa akuCofimvaba ayaliphanda ityala.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!