Isisa kwikhaya labantwana abasweleyo eMthatha!

Indibanisela yamabandla aseMthatha  azibiza iChristian Inter-denominational Movement  ibambisene nesikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni iUnitra Community Radio atyelele ikhaya labantwana abangenabani nabaphatheke gadalala ngeendlela ezahlukeneyo 
iBethany Home of Safety kwilokishi iKhwezi eMthatha izolo (uMgqibelo), ngeliyokunikezela ngezipho ezintlobo-ntlobo eziquka ukutya neempahla .

La mabandla ahlangana kwiminyaka emibini edlulileyo ngenjongo zokolula isandla ngelinceda la maziko akhathalela abantu nabantwana. Kunyaka ophelileyo, la mabandla anikezela ngezipho kwikhaya eligcina amaxhego namaxhegwazana iMpilweni eChris Hani Park. Kwinyanga ephelileyo, la mabandla abamba inkonzo yamazwi asixhenxe nekulapho kwaqokelelwa imali nezipho. 

Umsunguli wale ntlanganisela yamabandla uBishop Tshepo Machaea, uthi ngale nkqubo bakhuthaza intsebenziswano ngobambiswano emabandleni.

 “Makusetyenziswane kuncedwe abantu abadinga ngamandla uncedo ekuhlaleni. Sele ingunyaka wesibini sisungule le nkqubo kwaye kunyaka ozayo sizokwenza ngcono nanjengoko abanye abaxhasi besuka kwiindawo ezifana neMonti. Siphakamisa isandla sisithi wonke umntu wamkelekile”

Ukwathi banomnqweno wokunceda kabini ngonyaka xa sele befumana inkxaso eyoneleyo. 

Umncedisi wezempilo eBethany Home uVictoria Molefe, uthi uncedo abalufumeneyo luzokwenza umahluko kule nyanga kuba abazokuchitha mali bethenga ezinye izinto. 

“Siyabulela kule ntlanganisela yamabandla, sizokwazi ukukhawulelana neendleko kule nyanga. Mkhulu umahluko abawenzileyo kwabantwana,” utshilo Molefe.
UNombulelo Sibeko olilungu lekomiti kasodolophu kumasipala weKing Sabata Dalindyebo, uthe umasipala uzivulile iingcango zokuba amaziko anceda abantu makazokungqiba acele kwi-ofisi kasodolophu.

Oku ayilotyeli lokuqala iBethany ixhamla kumabandla. Kunyaka ophelileyo, ibandla elizinze eGxulu lanikezela ngezinye izipho njengendlela yokubhiyozela usuku lokuzalwa kobhishophu walo. 

Kusenjalo, nangona eli ziko lixhaswa lisebe lophuhliso lwentlalo ephondweni, kodwa usemkhulu umsebenzi ekusamele wenziwe ukukhawulelana neemfuno zalo.