Isisombululo kubhubhane wabakhwetha

URHULUMENTE makagxile ekufundiseni ukuze akwazi ukusindisa imiphefumlo yamakhwenkwe ngexesha lolwaluko. Olu luluvo lukaSicebi Noah ongumsunguli we-Amafa Ethu Heritage Consultants.

Eli ziko libamba iimfundiso zolwaluko koomasipala, kwizikolo, ezilalini, neenkosi, ingcibi kwanamakhankatha. UNoah uthi, wasungula eli phulo ngokubona ukwanda kwamanani eengxwelerha ngexesha lolwaluko.

Utyelela izikolo ngezikolo, nalapho aqhuba iphulo elibizwa ngokuba yi “Boys Indaba” enjongo yalo ikukufundisa amakhwenkwe ngendlela ekufanele eyihambile phambi kolwaluko.

“La maphulo sibe nawo kwizikolo ezikoomasipala iKSD, eChris Hani, eLukhanji, Amahlathi, naseMalahleni.” Uqhube wathi, iimfundiso zabo aziphelelanga nje emakhwenkweni, “Sikwafundisa iingcibi namakhankatha.”

UNoah uthe: “Iingxaki ezininzi sizifumanisa zikumakhankatha, ngawo la avimba abakhwetha amanzi, ngawo abethayo, ngelinye ixesha ebuyisa izixhiba kwizinto ezazenziwe kuwo, ikwangawo avela nomkhuba weziyobisi emabhumeni.”

Ukwathe, amakhankatha angoku ngabantu abasebancinci nabangenamava ngendlela yokuphathwa kwabantu. UNoah ukwathe amaxesha ayatshintsha, nangona amanzi ayefudula engaselwa kwintsuku zokuqala esuthwini ngoku kunobungozi xa umkhwetha ethe akasela.

Uthe, nokutshintsha kwemo yezulu yenye yezinto ekufanele ziqatshelwe nathi ligalelo layo elibe- ngunobangela wokubhubha kwabakhwetha eKomani.

UNoah uthe indlela amabhuna akhiwa ngayo kufanele imelane nokutshintsha kwemozulu.