Isithathu saseMthatha sitsho ngoncuthu lwengoma

USejake Matsela, Ndumiso Mdayi kunye noSiya Mxego kwindlu abahlala kuyo eWalmer, eBhayi umfanekiso: Daylin Paul

Siphenjelelwa lifuthe lendlala nokwenyuka kweqondo lwentswela msebenzi eMpuma Koloni isithathu sabafana abaze ngobuso ezweni baziqalele inkampani enjongo zayo ikukusebenzisa umculo nefashoni ekuphuculeni imeko yabo neyolutsha jikelele.

Baqalisa oku emva kokuba baqamba ingoma ethi ‘Andithanga Nqa’. UNdumiso Mdayi ongomnye weliqela uthi lengoma inomyalezo okhuthaza abo bajamelene neemeko ezimaxongo ebomini babo.

“Ithetha nomntu wonke, enoba udlikidlwa yindlala okanye uxakene nobomi, umyalezo umnye sukuthi ngqa, sukusonga izandla makubekho into oyenzayo ngemeko okuyo,” utsho uMdayi.

Uthotho lwevidiyo zalengoma olupapashwe ku YouTube lutsale umdla omangalisayo kubemi boMzantsi Afrika bambi bephela belingisa lengoma ngendlela abafuna ngayo.

UMdayi ukhumbula ebona ividiyo yabantu base Los Angeles eCarlifornia nase Canada becula lengoma ngamazwi abo.

“Samangaliswa sakubona abantu bakwamanye amazwe belinganisa ingoma yethu. Into evuyisayo kukuba babeyicula ngesiXhosa sethu” utshilo. Emva koku esisithathu siqalise ukwenza iimpahla ezibhalwe igama lalengoma ‘Andithanga Ngqa’ – bafuma iodolo umhla nezolo zimbi zivela kwakumazwe aphesheya.

UMxego no Matsela basebenza njengabapheki kwihotele ethile aze uMdayi yena abe yimvumi ,waziwa kakhulu ngeli ka Illnathan. Bathi bafuna ukusebenzisa italente yabo ekuqaliseni amaphulo ophuhliso, elinye iphulo abathetha ngalo lele Future Leaders apho bezakutyelela izikolo ezisezilokishini baze banikele iintetho ezikhuthazayo kwakunye neengcebiso ngezifundo emazilandelwa ngabafundi.

“Siqale kunyaka ophelileyo ukwenza oku. Saqwalasela ukuba izikolo zasezilokishini ziyasokolo kulenkalo, saziva sinyanzelekile ukuba masibe negalelo,” utshilo uMdayi.

Sele behambele izikolo ezifana ne Lungisa High School Kwazakhele ne EZ Khabane High School eJoe Slovo.

“Sibona intlungu ebanga kukusetyenziswa kweziyobisi ngabafundi, imiphumo yobundlobongela sabona ukuba masithethe ngalemiba,”uMdayi utsho.

Ngoku bafuna ukunabisela leprojekthi kwikholeji eziseTinarha naseMonti.. Ngethuba bekhula bonke eFort Gale eMthatha, uMatsela, uMxego noMdayi babengohlulwa nto kodwa ukukhangela amadlelo aluhlaza kwabangela bathi saa.

UMxego uchithe ixesha elide eSweden engumpheki kwizindlu zokudlela, ngelothuba uMatsela yena wayejija ibhotwe kwihotele zaseBhayi logama uMdayi efike wasabela ubizo lwengoma.

La maqhajana aphinde ahlangana eBhayi kwakho apho basungele inkampani ebizwa Moments Away Media,ethe yapapasha ingoma ethi AndithangaNqa.

“Sifana nokuthi siyifemeli, ubuhlobo bebethu bobuntwana abupheli,sihlala ndawonye sisebenza sonke,” utsho Mdayi ongoyena ubhala iingoma zeliqela.

Uthi lithuba lokuba umculo obhalwayo uthethe ngeemeko esiphila kuzo. Ukunqongophala koncedo oluvela kurhulumente wephondo nezinye i-arhente ezimele ukuncedana nenkampani ezifana ne Moments Away Media kutyhafise intaphane yeemvumi. Lenkampani inomxhasi omnye kuphela usomashishini uMakabongwe Ndzuta.

“Yilento ibangela ukuba iimvumi zaseMpuma Koloni ziphelele elubhacweni laseGoli nakwezinye iindawo”, utsho uMdayi.

Esi sithathu sifuna ukuyitshintsha lemeko, siceba uhambo lwemvumi nalapho abaculi bentlobo ngentlobo zomculo bezakutyelela iindawo ngendawo besenza ikonsathi, ngolohlobo bazakwenyusa ingxowa baze banike iimvumi ithuba lokuzazisa ebantwini.

Ngenyanga yeSilimela bazakube bejikeleza iMpuma Koloni nalapho bezakucula, bafundise ulutsha isakhona sokupheka nokufota.