INKOKELI yeDA uMmusi Maimane uthi, banesicwangciso sokwenza ukuba abantu ababhalisiweyo abafuna umsebenzi kwiindawo zoomasipala abambaxa (metro) bangahlawuli xa bekhwele kwizithuthi zikawonkewonke besiya kukhangela imisebenzi.
UMaimane ukuthethe oku ngethuba esenza intetho kumsitho wokuphehlelelwa ngokusesikweni komqulu wezithembiso wonyulo loomasipala weDA eRand Stadium eRhawutini ngoMgqibelo.
Uthi koomasipala abambaxa abakhokelwa yiDA, kuzakubakho inkqubo exananazileyo apho kuza- kutyalwa imali kuthutho loluntu. “Siyayazi ukuba kubaluleke kangakanani ukunxulumanisa uluntu loMzantsi Afrika kwiindawo zokusebenza, ukufunda kwanokudlala,” utsho uMaimane.
Uthi, iDA ngo2010 yasungula inkqubo yezothutho kawonkewonke ebizwa ngokuba yiMyCiti eKapa, nathi ukuzakuthi ga ngoku sele ithuthe abakhweli (abaquka abafundi, abasebenzi, abakhenkethi nabantu abadala) abakwizigidi ezingamashumi amathathu anesibini anesiqingatha (32.5 million).“Ukuba uvotela iDA, siza kwenza iinkqubo zeeteksi neebhasi ezizakukhathalela abantu abangathathi-ntweni. Sizakuvelisa itikiti apho umntu anokulisebenzisa kwiteksi okanye ibhasi.
Abantu abafuna umsebenzi bazakukhwela simahla kwinkqubo yothutho kawonkewonke khon’ ukuze bakwazi ukufuna lula umsebenzi,” kutsho uMaimane. Nanjengoko bekulindelekile, uMaimane ukhwele izehlela kwi-ANC, esithi isilele ekulawuleni oomasipala abambaxa abafana neBuffalo City, Nelson Mandela Bay, Tshwane neGoli.
“Kutsha nje bendiseMonti ndadibana nabantwana besikolo kusasa. Xa ndibabuza ukuba benza ntoni, bandixelele ukuba bajikisiwe esikolweni kuba akukho manzi. ENelson Mandela Bay abantu abangama-20 000 basasebenzisa inkqubo yezindlu zangasese zamabhakethi, noxa nje i-ANC yayithembise ngelithi oku kuza kupheliswa,” utsho uMaimane.
“Isixeko saseGoli, sithe gqolo ukulahla inkuntyula yemali kwilahleko yombane. Umasipala waseTshwane, akanasakhono sokukhathalela imali yabarhafi,”utshilo. Kusenjalo kwakulo msitho, usodolophu wesixeko saseKapa uPatricia De Lille uthe, bavelise amathuba engqesho angamawaka angamashumi amathathu anesixhenxe (37 000) phantsi kwenkqubo i-Expanded Public Works Programme.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro