UMasipala waseMnquma, uphehlelele inkqubo yezigidi eziqikelelwa kwishumi elinesibhozo leerandi (R18 million), ukulungiselela ukwakhiwa kweendlela kwakunye nokungcitywa kwezo zikwimeko emaxongo phantsi kweendawo ezikulo masipala.
Oku kwenzeke kwilokishi yaseVuli Valley ngoLwesihlanu, nalapho umasipala ebebambe indibano kwakunye nabahlali baseMnquma ngeenjongo zokuphehlelela le Projekthi yezigidi ngezigidi zeerandi.
Ethetha kulo msitho usodolophu uBhabha Ganjana, uthe, le Projekthi yokwakhiwa kweendlela eMnquma izakuthatha iminyaka emithathu ukuze igqitywe ukwenziwa, kwaye sele befumene nekhontilakhi kwakunye nenkampani yeenjineli ezizakwenza lo msebenzi kule minyaka.
“I-Eagle Ukhozi Civils kwakunye neLumko Makonza Consulting Engineers, zombini ezi nkampani zizo ezizakwenza iindlela zaseMnquma kule minyaka mithathu izayo,” utshilo uGanjana kubahlali.
Ukwathi njengoko beyiphehlele le nkqubo yokwakhiwa kweendlela, ulwakhiwo lwazo lungaqalisa nani na, kwaye uthi abahlali bazakuxhamla nakumathuba emisebenzi.
“Kudala ndibona kwiikontilakha zingabhatali abantwana babantu xa besebenzile, kodwa ndiyathemba kule abantu bazakubhataleka kuba siyibethelele lo nto kwingxongxo zethu,” woleke watsho uGanjana.
Usodolophu uGanjana akacacisanga ukuba zeziphi iindlela ekuzakuqalwa ngazo ukulungiswa okanye ukwakhiwa eMnquma, nakubeni esithi uninzi lwazo zizakwenziwa.
Ingxelo yona ithi, iindlela eziquka eyaseMsobomvu, Ngqamakhwe, Centane, Gcuwa, Cuba , Bika, Extension 2, Extension 6 kwakunye ne-Extension 7 zezinye zeendawo ezikuluhlu lweendlelwa ezizakwenziwa. Nakubeni usodolophu engalitsolisanga ukuba kuzakuqalwa kweyiphi indawo.
Omnye wabahlali uVuyelwa Gxekwa ohlala kwilokishi yaseCuba, uthi bachulumance kakhulu yile nkqubo yokulungiswa kweenndlela, kuba ezabo iindlela uninzi lwazo zinemingxunya nto leyo egugisa imoto phambi kwexesha kwaye iphazamisa neemoto zoncedo lokuqala xa zizokuthatha lo mntu uzithweleyo eyobeleka.
“Sivuyela nale nto yokuba sizakutsho sifumane umisebenzi thina bantu badiga lo mathuba kule projekthi,” woleke watsho uGxekwa.
Umasipala uthi isigaba sokuqala sokwakhiwa kwezi ndlela sizakugqitywa ngoJuni walo nyaka, emva koko kuqale esinye kude kuphele leminyaka mithathi kwaye abahlali abaqashiweyo kule projekthi bazakusebenza leminyaka yonke xa besebenza kakuhle.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung