Isithembiso sikaTata

Nyana Wam,

Ndenza isibhambathiso sokuba ngowona mzekelo mhle unokuwulandela ebomini. Ndifuna uzidle ngam kwaye ulandele ekhondweni lam, ngokunjalo nam ndifuna ukuzingomba isifuba ngawe. Ndithembisa ukukufundisa indlela eyiyo ukuze ube ngumfana ongumzekelo, iintanga zakho zibonele intlonipho kuwe.

Ndithembisa ukuba ndakukunika ingqeqesho eya kukubangela uwanike intIonipho amakhosikazi maxa onke, apho ndenze khona impazamo okanye ndingafikeleli kwiminqweno yam, ndithembisa ukuba ndakufunda kuwe ndibonele kuwe.

Inkoliso yamadoda yenze inkohlakalo engathethekiyo kubantu abangoomama. Kufuneka sikutshintshe oko.

Kumele sifundise izihlobo zethu namanye amadoda ukuba oomama banala malungelo sinawo nathi ekhaya, esikolweni, esitratweni kwaye ngenye imini emsebenzini okanye naphina banakho ukusilawula.

Ngothando lwam lonke,

Tata