Isithethe sokuya kuvela xa kusweleke umntu

AmaXhosa awakholwa kukuthumela, akholwa kukuya kuzivela into eyenzekileyo, kuthi kwakuvakala umbiko wokuba uThilengeshe okanye uZibanibani ubhubhile, abantu bahambe baye kuvela kuloo mzi babe yimiqodi.

Injongo yako konke oku kukuba bafuna ukuzivela ukuba lube njani na uhambo lokugqibela lomntu emhlabeni.

Kule mihla yempucuko apho sele kukho inkonzo yezithethi emingcwabeni, bonke abantu eyona yona nto bayiyela esingcwabeni kukuya kuva ukuba ngaba ubani lowo ubhubhileyo usweleke kanjani.

Abantu bahlala bazolele isingcwabo de kufike ithuba lokuthetha komongi, umntu abhubhele ezandleni zakhe.

Bakuba abantu bevile indlela abhubhe ngayo, elo bali lendlela umntu abhubhe ngayo liza kudluliswa komnye nomnye ngomlomo. Abantu bafuna ukuva ngezifo ezibulalayo.

Bafuna ukuthelekisa ihlaba elibulele umntu namahlaba abanawo. Ngethamsanqa amaphephandaba angaphambili aye wakhupha amanqaku analo mba usekelezwe kwithende lesiNtu elithi, ‘Sikho ngantoni na apha?”

Apha ngasezantsi sibonisa indlela eyachazwa ngayo into yokubhubha kwabantu abathile. Umthunywa ngomhla wama22 Disemba 1962, wabalisa ngokubhubha kukaT.M. Makiwane: “Ngomhla wesihlanu kuNovemba uhliwe kukufa athe akuya koogqirha bathi yiHigh Blood Pressure kwaza kwangenelela nentliziyo walala phantsi ngokomyalelo kagqirha. Phantsi kwamayeza waziva bhetele, kodwa kwalile ngomhla weshumi kuDisemba waqalwa lukhohlokhohlo olude lwadala iphika. Ngomhla we12 Disemba waya eSir Henry Elliot Hospital; enziwe onke amalinge wada waqhatha wancokola kanti uza kulala ubuthongo bokugqibela ngomhla we15 Disemba. Ubhubhe eluxolweni akabi namizamo.”

Iphephandaba ‘Umthunywa’ lomhla wama30 Juni 1951 wabalisa wathi ngendlela abhubhe ngayo uFlorence Tandiswa Jabavu nogama lakhe lasemzini linguNolwandle: “NgoLwesithathu umhla wama20 kuJuni 1951 uswelekile uNksk. F.T. Jabavu kwisibhedlele saseMonti ekubeni ebene operation kwiveki engaphambili, ebonakele ngathi iyaphumelela, kwaza emva koko wabonakalisa ukuphelelwa ngamandla ngenxa yentliziyo ebuthathaka, wasweleka ke ngoLwesithathu oxeliweyo.

Umngcwabo ube ngeCawe umhla wama24 eXesi (Middledrift) eKoloni apho ebehlala khona nendoda yakhe emva kokuba ibiphunyuziwe emsebenzini wobutitshala kwaNokholeji eFort Hare.

Emva komngcwabo uProf. D.D.T. Jabavu wakhupha ilizwi lombulelo kUmthunywa kubantu ababe mkhungile: “Jabavu: Ndazisa yonke iNtlangwini yakwaJili nabeSuthu bakwaMemela, kwaGambu okokuba uFlorence Tandiswa, inkosikazi yam ethandekileyo intombi kamfi Rev. Elijah Makiwane ilishiye eliphakade kusasa ngomhla we19 June, 1951 ngokuqutyulwa yiCononary Thrombosi emveni kokuba ephumelele kutyando lweGall Bladder ebimtshutshise ama35 eminyaka ephile ngonyamezelo olungumangaliso. Ubudala ngama56, eshiya abantwana abathathu uNontanda obekho, Alexandra oseLondon, noTengo oseJohannesburg emfundweni yobugqirha.

Umthunywa ngomhla wama21 Epreli 1962 wakhupha inqaku elithi, ‘UAmbrose Bennie Ludidi Ongasekhoyo,’ elalichaza ngendlela awushiye ngayo umhlaba: “Ngesaquphe esikhulu kunene le ndodana yakwaMthimkhulu ilishiyile eli ngomhla we11-03-1963 ngeCawa ebusuku ngentsimbi ye10 emaxesheni.

Le nto isuke ngokuthi eve intlungu emqolo, inyuke ngentamo, ixwese ibhekise ngecala langasekhohlo phantsi kwesiphanga, ijikele ngaphantsi kwengalo inqumleze ifike ime apho.

Iqhube ke kwezo ndawo ngeentlungu ezingummangaliso, waza waya ephelelwa ngamandla enenkosikazi yakhe uMaDlamini, ethe ke kwangoko yakuqonda ukuba naku kuqhubela ebubini ukugula, yathumela kooyisezala abanemizi ekufuphi nalo womfi.

Umninawa womfi onguMzwandile, ufike xa sele phezu kokuba agqibe ukuhamba, kodwa wamqonda ngokuthi abuze ukuba ungubanina, waphendula ke uMzwandile, kwaphela ke.

Omnye umninawa womfi onguGobinamba ufike selehambile.

Umthunywa ngomhla wama27 Juni 1953, waphawula ngokubhubha kwenkosi yamaQwathi eNkondlo eNgcobo: “Inkosi ihlabeke eKwindla kuwo lo mnyaka. Oogqirha bahlabe isibindi esidumbileyo. Kuthe ilapho eMonti kwavela umhlaza kwasesibindini apho, kwabonakala ke ukuba amathemba aphelile njengoko kusaziwa ukuba umhlaza unyangeka nzima.”

Umthunywa ngomhla wesi7 Epreli, 1962 wakhupha inqaku elithi, “Umfikazi uNkosk. Ella Caga,” elaphawula ngendlela agule ngayo phambi kokuba abhubhe uNkosikazi Ella Caga: “Umfikazi uqalwe kukoma komqala kwanokukrakra okusemqaleni, kwaze kwamthi chu ebudeni baloo veki de wayikhankanya le nto nakoonyana bakhe, abathe bamsa esibhedlele eBhofolo.”

Umthunywa ngomhla we13 Oktobha 1962 wakhupha inqaku elithi, ‘Ilahleko ngokufa kukaNkosi Windus Ludidi’: “Ukugula oku kwakhe kube yinto emhle kutsha nje, engazange waba nobulwelwe banto konke. Ngoku agulayo imizamo yenziwe kakhulu ukubuyisela impilo yakhe endaweni yayo. Hayi akwavuma waba ke uyalishiya eli ngomhla lowo we16 kuAugust.”

Umthunywa ngomhla we13 Oktobha 1962, wakhupha inqaku elithi, ‘Umbulelo wosapho loMfi Kula,’: “Ukugula akagulanga xesha lide kuthe nje ukuba agule wasukela kwagqirha, ugqirha wathi kudibene amathumbu. Wasukeliswa esibhedlele eElliot Hospital, eMthatha, apho aswelekele khona.”

Umthunywa ngomhla wama29 Septemba 1962, wakhupha inqaku elithi, ‘Ubemkhulu Umngcwabo kaE.S Sifo,’: “Ulishiye ubawo lo ngomhla wama27 kuAgasti kuwo lo nyaka. Kuyavakala ukuba ngawo lo mhla, uvuke watyhala impahla njengoko eqhele ukwenjenjalo. Uyenza le nto ngoMvulo ebebuye ngoMgqibelo esibhedlele, wabuya ngenxa yobungcono nasezintlungwini. Emva kokuba ebuyile ekutyhaleni impahla waye waziphumlela ngasebuhlanti, wabe unkosikazi wakhe uMaRhadebe intombi kaGwama eChefane imkhawulezela ngesidlo sakusasa. Xa esiya kumbiza kuba ilungile into etyiwayo, wothuswe kukubona ukuba uMaduna akasaphumle kuba ebetyhala igusha, koko selephumle unaphakade.”