Isithili saseClarkebury siphefumla kwinqaku malunga neWisile

Uzuko noxolo leNkos’ uYesu Krestu malubenani

Egameni lamaWisile akumazantsi eAfrika kwisithili saseClarkebury sinqwenela ukuzicebula kwinqaku elihlasimlis’ umzimba futhi elinobuntlebendwane ebelipapashwe liphephandaba I’solezwe (8-14 kweyoMnga kwikhasi lesithathu) elifuna ukubonakalisa icawe yethu njengekuthaza ukrexezo.

Eli nqaku linobuntlebendwane futhi linolunya, sicela eli phephandaba lihlehle kwinto eliyibhale ngecawe yethu.

Icawe, ngokobume bayo, ikhuthaza intlalo yezazela, ngokusekezelwe kwimiqathango yebhayibhile kuso sonke isifundisi saseWisile. Ukuba kukho umfundisi waseWisile okanye naye nawuphi na umntu owophula lo mqathango, kukho iinkqubo zokuqubisana noku.

Ukuba kukho ubani onobungqina bomfundisi wethu okanye naye nawuphi na umntu olilungu lethu owenza obo bugwenxa, sicela abantu beze ngaphambili ukuze ibandla liqubisane nabo bantu.

Siyicawe asiluthetheleli ukrexezo, silukhaba ngawo omane; kodwa siyayiphikisa into yokutyatyekwa kwebandla lonke lamaWisile ngenxa yesenzo somntu omnye okanye abathile.

I-ofisi yentsumpa yomfundisi kwane-ofisi yam, kwibakala lam njengoBhishophu wesithili, isoloko ikhona ukumamela izikhalazo kwaye iqubisane nazo. I-ofisi kaBhishophu ukuza kuthi ga ngoku ayikafumani matyala obugwenxa ngakubafundisi bayo.

Owenu kwiNkonzo kaKrestu

Bishop Thembinkosi H. Fandaleki