Isithsaba samahilihili

Akukho nto ingenasithsaba, nobuhilihili obu buneziphumo zabo. Ukuvatshula apha esithubeni asinto sakha sayibuka, siyithethise kwantlandlolo.

Kambe ke, okuyivatshula kuwe komnye kunesizathu, ukutsho oko ungabona ubuhilihili kuba uhambo olo lungahanjwa nguwe, kanti kumninilo lunento yalo ebalulekileyo kuye.

Le nto iyivatshula okanye ubuhilihili ke ngoko iyahluka kumntu nomntu, kunjalo nje akukho ukhe azibone ubuhilihili. Ukuchaswa nokuchazwa kobuhilihili kwayamene nezinto umntu abuya nazo apho ebuhilihilini.

Xa kusithiwa uhamba ubuhilihili sukube luchasiwe olo hambo kwaye izinto ezifunyanwa nekubuywa nazo kuhambo olunjalo sukube izizinto ezingathandekiyo nezingamkelekanga, ngezizathu ezahlukileyo.

Andizange ndakha ndaya lizweni limbi, oko ndahlala ndihleli kweli, kunjalo nje akukho kwalizwe kuthiwa ndinqwenela ukuya kulo. Kwa eli lakuthi andikalihambi lonke kwaye andinayo into ethi ndiseza kulikhenketha. Iindawo endizaziyo ezingaphandle kweliya lakuthi, ngaphandle kweendawo ezinamawethu, ndizazi ngempangelo.

Yimpangelo endiphalisa apha esithubeni. Andinguye nomntu ocwangcisela iiholide, njengoko ndike ndive kumakhumsha nezifundiswa zisithi ziza kutyelela zindaweni zithile ngeeholide. Kubantu abanemali ke ukuvatshula yinto abazichwayitisa ngayo.

Umntu usebenza unyaka wonke eqweba imali yokuya elizweni angalaziyo, elizweni ekungekho kwamntu amaziyo. Endaweni engenabantu uza kufika wenze ntoni, nabani, phi?

Omnye ubona kwi-intanethi izinto ezithile emazweni, azithande, ze acwangcisele ukuya kuzibona ngelenyama, kuba ke eyotyelo ayikholi. Mna ke andinanto ndingayaziyo ndinqwenela ukuyazi, ezi ndizaziyo zininzi.

Sele nditshilo ke, ukuba ngunyawo lwambeth’ indlela akuphosani neziphumo ezingathandekiyo, enokuba umntu ukubonile na oko ebephume esithi uya kuko.

Kukho abantu abaphumayo bayonyuka iintaba zakude, ndive ke kusithiwa kukho into ekwenzelwa yona oko, efana nokunyusa iingxowamali ezithile. Ndingazi ke ukuba kuyinyusa njani na ingxowamali ukunyuka intaba.

Ukunyuka intaba okucwangcisiweyo endikwaziyo kukuya kucela imvulo kuSombawo. Kolo nyukontaba uve kusithiwa nanko umntu eminxwa sisifuba ngenxa yokungangqamani nomoya walo ndawo.

Kufuneke ukuba makuxakekwe ke ngoku kuvutheliswana naye.

Omnye uve kusithiwa nanko etshibilike waya kuwa ezingxondorheni ezimbi kwiintaba zekhephu, ungazi ukuba umntu omdala kangako ube dlala ekhephini kuba kutheni sesonzakala nje!

Kwakuvakala iindaba zokonzakala komntu obenyuke intaba, thina bengubo imvakalelo yethu iye ibe ngumbuzo othi “kuxa ebeyofuna ntoni apho?” Enokuba sibuye sanosizi na kodwa lowo mbuzo asiwulibali, kuba ke nyhani iye isisithele into yokuba inokuba ebeyokwenza ntoni ke ngenyani kwindawo enjalo.

Kuthiwa ke ukhenketho lunengeniso yezoqoqosho elizweni, ke thina bengubo asiyiboni leyo ngeniso, yaziwa ngabayixhamlayo. Kungokunje isifo ikhorona sele sizenzele ikhaya eMzantsi Afrika.

Oonokrawuzana baqale ngokuchaza indoda nomkayo ebebetyelele emazweni. Emveni kwabo ke ibe luthotho lwabakhenkethi, kwalandela iimpulazikalujaca ebezingakhange ziye ndawo, isifo sitsibele nakuzo!

Ndiyazibuza ke ukub aba bakhenkethi, njengabantu abahentula apha esithubeni, baphosene phi nokuzikhusela obekuhleli emilonyeni yoonondaba?

Siyazibuza ke kananjalo ukuba sele besiphathela isimanga nje kuxa bebeyothini emazweni anesifo esosulela kangaka? Kungokunje abantu bethu badyojwa yile gcushuwa yasemazweni, bengakhange baye ndawo inasifo ke phofu. Ndakuva zwindini!

Nangani ukhenketho kusithiwa luyingeniso, kodwa iziphumo zokuhamba apha esithubeni azisoloko zithandeka. Bebuya noqoqosho nje bakhenkethi bakwasiphathela nezimanga.

Yigcushuwa esiza kuythini ke ngoku le kwinkqubompilo yoMzantsi Afrika inkenenkene kangaka?