Isithwakumbe sesibini sokutsha kweKomkhulu!

UNkos uNonkonyane uthi zizigidi ngezidi umonakalo owenziwe ngumlilo ebebewothile ebhotweni lakhe.

Litshe lalithuthu nempahla zalo zangaphakathi iKomkhulu lamaBhala eNkululekweni eFlagstaff elikhokelwa nguNkosi Mwelo Nonkonyana onguSihlalo weNdlu yeeNkosi kweli phondo.

Eli Komkhulu litshe ngoMvulo kule veki ngokuhlwa, ngokokutsho kukaNkos’ uNonkonyana.

Ukutsha kweli Komkhulu kubangelwe ngumlilo ububaswe ngorhatya kwindlu yokubasa kweli Komkhulu, nalapho usapho belihleli khona lothile nanjengoko bekubanda.

UNkosi Nonkonyana exhelekile, uthi lo mlilo wenzeke ekhona ehleli nosapho bothile. Uthi le ngxaki yomlilo akukho kokuqala isenzeka kweli bhotwe kulo nyaka.

“Esi sakutsha nje isihlandlo sokutsha kwebhotwe sesesibini apha ku2020. Esokuqala senzeke kanye xa sisungula lo nyaka ka2020 ngomhla wamashumi amabini anesine kweyoMqungu. Kwatsha enye yezindlu yaluthuthu eyayisetyenziswa nguNdlovukazi uMaKheswa, kulapho wayeqeqesha abantwana kwizinto zophuhliso,” utshilo uNonkonyana.

Ubulele kwisizwe samaBhala esiye saphuma ngobuninzi siyomnceda abanye bekhala, becima nangona nje ungakhange unqandeke umlilo, yatsha indlu yade yangqongqa.

Uthi nabohlangulo eO.R. Tambo ebelutsalele befuna uncedo, bafike sele konakele kakhulu kwaye nathi “sele sinikezele kungenokuba sasinda nto.”

“Sibulela ukusinda kwethu. Ndifuna nokuqinisekisa uluntu lwam ukuba sisemandleni nosapho lwam, sibulela inkxaso,” uvale ngelo uNkos’ uNonkonyana.

Uthi umonakalo othe wenzeka kweli bhotwe xa ejongile ungaxabisa izigidi ngezigidi zeerandi.