Isithwakumbe sezidumbu ezirhaxwe yijenereyitha

USibulelo Gcelu nenkosikazi yakhe uAndisiwe kwakunye noAlakhe Matiwane ngakwijenereyitha erhaxe yabulala abantu abahlanu eMdantsane UMFANEKISO: SIYANDA ZAZKHE

BATHWELE izandla entloko bentywizisa oomakhwelane bosapho lakwaPepani eLinge ngakwa-N.U. 3 eMdantsane emva kokurhaxwa sisifudumezi-mbane (jenereyitha) kwabantu abahlanu kwindlu yolu sapho babhubha ngoko nangoko.

Esi sithwakumbe sibonwe ngentseni yangoLwesithathu emva kokuba omnye woomakhelwane ehlabe umkhosi elokishini. Iingxelo zosapho zithi esi sihlanu besibukele umabonakude ngokuhlwa kwangoLwesibini, yabe ijenereyitha abakhanyisa ngayo iduma kwigumbi lendlu yangasese, engaphakathi endlini.

Le ndawo ayikabinambane nanjengoko isentsha, iqale ukuhlala abantu kwinyanga yoMsintsi.

Abantu ababhubhe kule ntlekele bachazwe njengoVirginia Pepani (64), unyana kaVirginia uXolani Kom (46), uZoleka Duba (60), Funeka Nomikiza Ngweventsha (52) kwanesihlobo esichazwe kuphela njengoMaider.

Umkhwenyane wolu sapho uSibulelo Gcelu, ohlala kwa-N.U. 2, uthi utsalelwe umnxeba ngentseni yangoLwesithathu.

“Ndifike sele kukho amapolisa phambi kwendlu abe sele engavumeli mntu ungenayo. Ndibone ukuba mandisondele ngasemnyango, kodwa amapolisa andixhaya esithi mandingangeni. Amapolisa aye andibuza ukuba ndingubani, ndabaxelela ukuba ndingumkhwenyane kumama wekhaya.

“La mapolisa athe ayakundivumela kuba noko ndiyindoda, inokuba ndiqinile. Ndingene ndagwangwa ngumbono ombi wabantu abahleli esofeni obunokucinga ukuba bangancokola nawe. Umama (Virginia), usibali (Xolani) noZoleka bebehleli esofeni, wabe uMaider ephantsi logama uFuneka ebekwenye indlu,” utshilo uGcelu.

Umakhelwane walo mzi uNokwakha Tim uthi uVirginia ebengumntu olunge kakhulu ekuhlaleni. “Indothusile indlela ababhubhe ngayo, ayikholeleki tu. Bengibagqibele ngokuhlwa ngoLwesibini kungekho kwanto tu kubo,” kutsho uTim.

Umhlali wale ndawo uAlakhe Matiwane uthi le jenereyitha ifakwe endlini ngenxa yokusinda ekubiweni apha evekini. “Singabahlali sinoloyiko, kuba nathi sinazo iijenereyitha ezindlini zethu,” utshilo uMatiwane.

Isithethi samapolisa uKapteni Mluleki Mbi uthi amapolisa aqhuba uphando. “Asirhaneli nyawo lwamfene kwesi sehlo okwangoku,” utshilo uMbi.