Isivumelwano sikachatha kubasebenzi beYunivesithi yaseRhodes

Abasebenzi beYunivesithi iRhodes ngethuba beqhankqalezela ukwenyuselwa kwemivuzo yabo ngo-7.5% ngomhla we-25 kuTshazimpuzi ku-2017. Umfanekiso: Ntombovuyo Ngaphu

Imibutho emibini yabasenzi kwiYunivesithi yaseRhodes eRhini iye yafikelela kwisivumelwano nabaphathi ngoMvulo umhla we-15 kuCanzibe, nanjengoko baye bavumelana ngochatha ka 6.9%.

Oku kulandela ugwayimbo kwiveki ephelileyo ngabasebenzi abangamalungu emibutho iNational Education, Health and Allied Workers Union (NEHAWU) kunye ne-National Tertiary Education Union (NTEU).

Abasebenzi abangamalungu eNehawu kwelabo icala baye bawukhaba kwiveki ephelileyo uchatha womvuzo le yuniveithi ebiwubeke etafileni we 6.5%.iI-NTEU kwelayo icala kuye kwavakala ukuba iye yawuvuma lo chatha. IRhodes ekuqaleni kuye kwavakala ukuba ibisithi le mali iza konyuka ngo’5% kodwa emva kothetha-thethwano yawunyusa lo chatha wothi xhaxhe ku 6.5% oye wakhatywa yiNEHAWU.”

Kodwa ngoMvulo kule veki emveni kolunye uthetha-thethwano olude phakathi kwale mibutho kunye nabaphathi eRhodes, kuye kwavunyelwana kuchatha ka 6,9%. Oku kuthethe ukuba uthetha-thethwano oluthathe iiveki ezintathu luye lwafikelela esiphelweni. Oku kuthetha ukuba abasebenzi bazakubhatalwa uchatha osusela kwinyanga yoMqungu kulo nyaka. (The adjustment will be backdated to January 2017).

Ephendula kwimbalelwano neli phepha ndaba, unobhala jikelele weNTEU uGrant Abbott ungqinile ukuba batyikityile isivumelwano sikachatha ka 6.9% neRhodes University.

“Ewe kunjalo, iNTEU kunye neNEHAWU ngokudibeneyo sityikityile phantsi lo chatha womvuzo ka 6.9% emntwini wonke. Oku kuthetha ukuba wonke umntu uzakufumana lo chatha ngoku ukuphela kwale nyanga sikuyo. Ngaphezulu koko kukho nesongezelelo se-R100 ngenyanga esisibonelelo sendlu emntwini ngamnye. Kubekho nemali engange R1 300 ezakubhatalwa ebasebenzini bonke kweyoMnga,” uhambise watsho u-Abbott.

NgoLwesibini, le yunivesithi kwicandelo layo lezoqhagamshelwano iCommunications and Advancement Division, ithe iyasamkela isivumelwano ekufikelelwe kuso kule veki.

Inqununu uGqr. Sizwe Mabizela uvakalise uchulumanco kubasebenzi nabafundi ngonyamezelwano nokubonakalisa imbeko kwezi veki zintathu zidlulileyo zothetha-thethwano. Uye wachaphazela ingakumbi abo bajongene neendawo zokuhlala zabafundi ngaphakathi eyunivesithi kunye neenkokheli zeNehawu kunye ne-Nteu ngokuthi bamelane nokujongana nemeko ebezinzima kakhulu kude kufikelelwe kwesi sivumelwano sangoMvulo.

“Iimeko ezimile ngoluya uhlobo azilulanga ebantwini bonke. Ngoku sinoxanduva lokubuyisela izinto kwisimo esisiso ngokukhawuleza. Kwaye siqinisekise ukuba inkqubo zonke zeyunivesithi ziyaqhubekeka aziphazamiseki. Njengeyunivesithi soqhubekeka siqinisekise ukuba sihleli sikwimeko entle nezinzileyo,” utshilo uMabizela.

Kwiveki ephelileyo, le yunivesithi ivakalise ukuba olu gwayimbo obeluqhutywa yile mibutho belungakhuselekanga okanye lungekho mthethweni.

IRhodes iye yathi imibutho kufanele inikezele iiyure ezingama-48 ngaphambi kokuba iqhube ugwayimbo.

Lo kaMabizela waye wavakalisa kwakule veki iphelileyo okokuba iRhodes liziko lomntu wonke kwaye ibiya kuvakala kakubi ukuba le yunivesithi ibinayo imali kodwa kube kanti ime entla ekunyuseni imivuzo yabasebenzi bayo.

Uye waqhubeka wathi le meko asiyiyo eyokuba le yunivesithi ayizimiselanga kubhatala abasebenzi, kodwa akukho mali yaneleyo yokwenza oko.

UMabizela uthe iRhodes isoloko ixhomekeke kwimali ezibhatalwa ngabafundi. Ugqibezele ngelithi ukususela ngonyaka ka-2015 oko bebenezigidi-gidi zemali abazityalwa ngabafundi abangabhataliyo izifundo zabo.