Isixeko saseKapa sikhumbula uTutu

Isixeko saseKapa siye sakhumbula uBishop Desmond Tutu kwakunye nomfazi wakhe ngosuku ebelilikhulu lwayizolo apho bekhukhunjulwa usuku loxolelwaniso elibizwa ngokuba yiReconciliation Day.

Uluntu belunxibe umbala opepuli kumngcelele ebebewubambile izolo ukuya kusapho lakwa- Tutu nanjengoko besithi wabanegalelo elikhulu ekuziseni uxolo kweli lizwe.

Iingxelo zithi esi sixeko sithi, uTutu umele ukukhunjulwa kuba ube lilizwi labo bangenalizwi ingakumbi kwimiceli mngeni ejongene noluntu hayi leli kwanelizwe jikelele. Umngcelele uye waqala ngentsimbi yeshumi elinanye ngakwisikhumbuzo iPrestwich.

Ibikhokhelwe ngu- sodolophu waseKapa uPatricia de Lille, kwakunye nentombi kaMfundisi uMfu. Mpho Tutu.