Isixhobo sophuhliso loqoqosho eBCM

Iziphathimandla zomasipala ombaxa iBuffalo City zithi ukuphehlelelwa kwe-arhente yophuhliso kulo masipala ziimpawu zokuzimisele kwalo masipala ekuphuculeni iimeko zoqoqosho nentlalo yoluntu.

IBuffalo City Metropolitan Development Agency (BCMDA) iphehlelelwe ngokusesikweni kwiveki ephelileyo kumsitho obuzinyaswe ngoSodolophu walo masipala uXola Pakati, usekela mphathiswa wezimali kuzwelonke uMcebisi Jonas umphathiswa wophuhliso loqoqosho eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo kwakunye nogqirha Vuyo Tom.

Ingqonyela yeBCMDA uGcinumzi Qotywa uthi, le arhente izakuqwalasela iintsika ezintathu ekuquka kuzo ezokhenketho, uphuhliso lentlalo noqoqosho loluntu, kwanolawulo olukhatshwa lushishino kwizakhiwo zikamasipala.

“Le arhente izakujongana nokuphucula iziseko zokhenketho kwaye iqiniseke ukuba abakhenkethi beza ngobuninzi babo ze bachithe imali eBCM. Siza kuqwalasela nomba wokuphuculwa kwezakhiwo zikamasipala siqiniseke ukuba zingenisa imali kwisixeko,” utshilo uQotywa.

Le arhente yayikhe yakho ngaphambili kodwa yatshabalala ngenxa yeengxaki zolawulo.

UPakati uthi ukuvuselelwa kwakhona kwale arhente kuza kuqinisekisa ukuba isixeko sinesixhobo esigxile kuphuhliso loqoqosho eBCM.