IsiXhosa sibulawa ngamaXhosa

Ngomhla wama30 kweyoKwindla 2015 sakhupha iphephandaba lethu lokuqala ngqa; kwakunzima ngeyona ndlela ngoba ubuxhakaxhaka bale mihla babumane buxinga, iintatheli zethu zifundiswe kwaye zikwaqhele ukubhala iindaba ngesiNgesi.

Kodwa emva kweeveki nje ezimbalwa yabangathi kudala siqhuba, sikhupha iphepha elitsha yonke imihla.

Sagqitha kwidabi legama lephepha (lalingafunwa ngabafundi), sagqitha kwidabi lopelo lwamagama esiXhosa, sagqitha kubagxeki ababengalifuni iphepha lesiXhosa ngelithi kukuzibuyisela emva.

Mandulo kwakukho amaphepha esiXhosa afana nee-Imvo Zabantsundu, Indaba, Intsimbi, Isigidimi, njalo-njalo. Akukho nelinye lawo akhoyo namhlanje.

Elona litshabe kade yayiyi-Imvo pha ngo1998. Zininzi ke izinto ezabangela ukuba amaphepha esiXhosa ayekwe ngabenzi bawo kodwa eyona nto itshotsha entla kuxa abafundi bephepha bengalixhasi okanye besenza konke okusemandleni ukutyhafisa abadidiyeli bezo ndaba.

Umzekelo: kule veki iphelileyo sibhale ngomfundisi waseWisile obambe iimpundu zentombazana waze wazama ukuyincamisa.

Kwa-esi sivakalisi, kwa-ukubhala igama elingu ‘iimpundu’ yinto esuke kwathiwa ikrwada ngabanye abafundi beli phepha.

Yeminye yemingeni eyayijamele amaphepha afana nee-Imvo ke le; le nto yokuba kuthiwe ulwimi olu lwethu lukrwada kuphinde kuthiwe kunzima ukufunda isiXhosa kwangamaXhosa ke phofu.

Omnye umngeni kumba weeCawe; qho xa sibhala ngeeCawe kweli phepha siye sithukwe kumnatha wonxibelelwano. Ukuba sibhale ngomfundisi waseRhabe olisela, sigxekwa kanobom, ukuba sibhale ngomfundisi waseWisile othanda amabhinqa, sigxekwa kanobom, ukuba sibhala ngabefundisi bezi Cawe zomoya, siyakwaleqwa.

Kutheni amakholwa ekhohlakele kangaka? Ingaba na awayiboni ukuba ingxaki ipha ngaphakathi kwiiCawe zawo, hayi kwi-I’solezwe (elithutha nje iindaba)?

Mininzi neminye imizekelo. Nangona kunjalo sakuhlala siziphaka ngobunjalo bazo, sakuhlala sinyanisekile, siwela umlambo ugcwele!