Isiziba uMbangweni samaNtusi eLusikisiki

Le mbali ngesi siziba isukele kudliwanondlebe esilwenze nomama oyintombi yakwaNomphandana, kwaNomandi emaNtusini eDangwane eSajonisi, nowendele kwaSukude.

Uwulande ngolu hlobo umnombo wamaNtusi “UNomphandana uzele abantwana abahlanu: uNomandi; uNdabangaye; uXobojiji; uBheja, nentombi uJambase. AmaNtusi anesiziba sawo eLusikisiki eMthambalala eNtafufu.

Kuthiwa igama lesi siziba nguMbangweni. UMbangweni lo yindoda eyathi yonzakala yaze yabhubhela ngakwesi siziba. Phezu kweso kukho umthi womkhiwane.

UMbangweni wangcwatyelwa phantsi kwalo mkhiwane. Kwakhiwa amanqwanqwa alo mkhiwane waze wangcwatywa ngawo.

Elinye ibali ngesi siziba esilifumene komnye umntu lithi : UMbangweni lo waswelekela emlanjeni uMthalala eLusikisiki. Kuthiwa wathi waba ngomnye wabantu ababesilwa amapasi.

Kuthiwa abeLungu bamenzela iyelenqe baze bambamba bathabatha ixolo lomkhiwane bambophelela emqaleni ngalo, baze elo xolo baliqhinishela elityeni bamphosa kweso siziba.

Abantu ke balibalisa ngokulibalisa ibali likaMbangweni. Into ecacayo kukuba ukho umntu wakwaNtusi onguMbangweni owatshona esizibeni, kodwa ke kuba iimbali zesiNtu zingabhalwanga le mbali ibaliswa ngokubaliswa, sele yaduka kwaphela leyo icacisayo ngqo into eyehlayo mhla uMbangweni watshona esizibeni.

Loo mama uthe ngaphambili ooyise babeqhuba izingxengxezo kwesi siziba. Uthi bade ke basweleka ooyise bengazange baye bona belulutsha.

“Kulo nyaka kufike intombazana yasemaNtusini endaweni ekuthiwa kuseZibungu. Wafika lo mntwana wathi ufuna umzi wakomkhulu wasemaNtusini uthunyiwe kuwo. Komkhulu ufike wabika idabi lokuba uthi xa elele afikelwe ngabantu bomlambo wasemaNtusini bambethe. Bathi makahambe angene umzi nomzi afune ukuba amaNtusi ayaphi na ngoba abantu bomlambo abawaboni. Inkosi ithe yakuva eli bali yathi le nto iza kwenziwa yiyo, ngoba intombi ayizi kukwazi. Inkosi ke ikhuphe ilizwi emoyeni elithi onke amaNtusi mawadibane komkhulu eDangwane komkhulu eGomolo. Aqokelelene ke amaNtusi eliphi neliphi kwayiwa komkhulu apho, yaze ke inkosi yaphalaza olu daba lokubethwa kwentombazana ngabantu bomlambo kude ngelinye ixesha ivuke iqaqanjelwa yingalo sel’ingathi inemivumbo. AmaNtusi akuba elivile ibali agqibe ekuthini kuyiwe emlanjeni kuMbangweni kuyiwe kungxengxezwa. Ngale mini yokungxengxeza amaNtusi ahlanganisana komkhulu eDangwane. Athi esalungisela ukuya eLusikisiki afikelwa yimvula enkulu eyawenza abaleka ukuya ezimotweni ecinga ukuxinga kwezo ndlela zimbi zaseLusikisiki. Kwathi kanti amaNtusi ayona ngokubaleka imvula kuba kwathi intombazana yakulala yafikelwa zizinyanya zamaNtusi zikhalaza zibuza ukuba kutheni na le nto amaNtusi ebaleka xa kufika amathongo eze ngemvula.”

Nantsi imigqaliselo ethi yenziwe xa kufikwa kwesi siziba : “Phambi kokuba kuyiwe kwesi siziba kufuneka kuqale kuyiwe ngamadoda amathathu kuxelwe umhla ekuza kuyiwa ngawo. Aba bantu baxhela ibhokhwe baze ke ngoku batsho ebafaneni bagawule amahlahla bevula indlela yokusondela kwesi siziba. Inkomo eza kuxhelelwa uMbangweni kufuneka ithathwe ebuhlantini basemaNtusini emgqubeni. Isiziba asixhelelwa inkomo ethengiweyo. Abafazi abayidli inkomo ehlinzwe phezu kwesi siziba. Basala ekhaya begungxe njengabatshakazi, bathwal’ikhetshemiya, baxakathe. Ukuba ithe yakhona into ebafuna emlanjeni kwaMbangweni kufuneka banxibe iilokhwe ezima emaqatheni, baze bawele umlambo bengazifinyezanga ezo lokhwe zirhuqe kanye apha emanzini, bangene bawele. Emlanjeni kuya amadoda neentombi zasemaNtusini nabatshana bakhona. Phaya baza kudla inkomo eza kuxhelwa. Izinto eziphekwayo eziza kusetyenziswa phaya azingcanyulwa, etywaleni akutyiwa nesidudu, akuchwezwa ngxwenga, abuviwa nokuba bumnandi nokuba bubi na utywala. Buqale busiwe phaya esizibeni phambi kokuba buselwe ngabantu. Inyama yenkomo exhelwe phezu kwesi siziba ayiphekwa iyojiwa. Kuthiwa esi siziba ngethuba langaphambili sasizithathela inyama notywala. Phaya kulaa ndawo kuxhelwe kuyo bekushiyeka indoda endala, abanye abantu bebezimela basithele ngemithi. Kuthiwa la manzi athi gwantyi enyuke asondele kobu tywala nenyama. Kuthi gqi isilwanyana esidlongololo esinezinto ezingathi ziintsiba. Le nto ithabatha eyayo inyama ize emva koko ixelele abantu ukuba maboje. Esi siziba sidume ngenkohlakalo. Enye inkosi kuthiwa yakhe yaya yodwa namadoda elali angangomaNtusi kwesi siziba. Bathi besathe qelele bakhawulelwa ngamanzi kukhonkotha nezinja. Babaleka benyuka iqhina baze basinda ngezikaSibi. Kuthiwa abakhwetha abathile bebenebhuma eyakhiwe kufutshane nesa siziba. Bathe besahleli ebhumeni kwakho into ekhwazayo ethi. “Hambani apha!”.

Abakhwetha abamazanga ukuba ngubani nalo utshoyo. Abahoya baze abahamba. Aba bakhwetha bathe bakubona ezi nkuni bezigawulelwe lo mcimbi wamaNtusi bazicholachola beza kuzibasa. Bathe besachola beva into ethi, “Yekani ezo nkuni zezamaNtusi ayizozenu!”.

Bathe ukuze bemke phezu kweso siziba babona omnye wabo emathile ehleli ejamile phezu kwesiziba. Bathi ke abantu aba bakhwetha baza konzakala baza basuswa baya kubekwa kwenye indawo. Esi siziba siyabizela. Enye inkosikazi kuthiwa yabetha inyoka ekuthiwa sisiphakula esiluhlaza. Le yenye yeenyoka zesi siziba. Kwavela into engathi ngumLungu yamthi hlasi. Lo mfazi wasindiswa kukulila kosana lwakhe. Bathi abantu bomlambo into esikukhululela yona lolwa sana lwakho lukhalayo. Wakhutshwa emva kweentsuku ezisibhozo.”

Loo mama ungqinile ukuba amaNtusi sele etshatana ade azalisana nabantwana. Uthe kukho aba babanga ukuba bangooMbangweni baze babekho abathi bangooGavu.

Uthe lo wabonakalisa ebala, ukungayithandi kwakhe, le nto yolu thanda kumzi wamaNtusi.