Uyakukhumbula mfundi ukuba kulo nyaka sikhumbula iminyaka engamashumi amabini ekomishoni yenyani noxolelwaniso. Lo nyaka unyanzelise amaziko embali ukuba enze izikhumbuzo; amanye enze imiboniso yeefoto zangoko, eminye yadlala imiboniso bhanyabhanya yeentsuku zekomishoni yaze eminye yamema uwonkewonke kwiingxoxo-mpikiswano ngomba woxolelwaniso kwiindawo ngeendawo.
Ukanti nakumabonakude kwiinkqubo ezifana neeBig Debate ku eTV sikhe sabukela kuxoxwa ngalo mba woxelelwaniso. Nalapha kufuphi eQonce, phaya eBiko Centre, siphulaphule izithethi zingena nzulu kumba wedemokhrasi kunye noxolelwaniso.
Into esithe sayiphawula kuzo zonke ezi nkqubo sithe sadibana nazo yeyokuba abantu abadala okanye obo singathi bangaphezu kweminyaka engamashumi amane bayayamkela idemokhrasi kunye neziphumo zenkqubo yoxolelwaniso. Mhlawumbi ngamava nokukhula okuthe kwazisa uxolo kwiintliziyo zabo. Okanye mhlawumbi kwabona bayaziqhatha ngokuthi baxolile kungekho nto bayizuzayo esandleni ngokuxolela abacinezeli.
Nexhego laseGinsberg elaziwa ngelika tat’ uDimbaza liyayivuma eyokuba singabantu abantsundu siyathanda ukufihla intlungu yethu, kwaye nenyani siye singafuni ukuyiva. Asinokuthi siyavumelana naye apho kodwa sifuna ukukhawuleza singene kumba wolutsha; le genge ingaphantsi kweminyaka angamashumi amathathu anesihlanu.
Kwa kwezi ngxoxo zoxolelwaniso kuthande ukusoloko kukho ulutsha olufundileyo nolusasenga imfundo kumaziko emfundo ephakamileyo.
Apha ephondweni idla ngokuba ngabafundi baseRhodes kwezi ngxoxo. Abafuni nokuva ngoxolelwaniso, bame kwelokuba abazali babo babethwa ngemf’ iphindiwe kwaye kusafuneka umcinezeli wamandulo ohlwaywe.
Bawufuna apha umhlaba, babufuna apha ubulingani, babufuna apha ubutyebi bezwe labo kwaye bayatsha ngumsindo. Ingaba siyathetha ngokwaneleyo ngesi sizukulwana sifuna utshintsho?
Izakuhamba ihambe ithini into yabo? Okanye ingakhokela ekusekweni kwemibutho emitsha?
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike