Isizwe sabaThembu asiyondlu inye

“Sonele ngoohlohlesakhe kwisizwe sabaThembu, abajonge iindawo zokutya nezikhundla!” Lawo ngamazwi atsolileyo athethwe yenye yeenkokeli ezibanga ngelithi ziphuma kwiqadi lokuqala kwindlu kaBhomoyi phantsi kwesizwe sabaThembu.

UNkosi Mncedisi Mkhuthu uthi ubukumkani ayibobaMadlomo kuphela kwaye sele kusungulwe iqoqo leenkosi zabaThembu kwinzame zokusombulula iyantlukwano esele inexesha elide iqhuba kwesi sizwe.

UMkhuthu uzityande igila esondlala oyena nobangela wokungaboni ngasonye phakathi kweenkokeli zesi sizwe ephakamisa nezisombululo. “Ingxaki yabaThembu iqale mhla kwatyeshelwa inyaniso, kungabizwa zonke izindlu zabaThembu ezilishumi elinesibini ukuzokulungisa le ngxaki.

Ayinabunyani into ethi ubukhosi babaThembu buxhomekeke kwindlu kaNgangelizwe kuphela. Ubukhosi buxhomekeke kubaThembu bonke hayi kwizindlu ezimbalwa,” utshilo uMkhuthu.

Ukungaboni ngasonye kwesi sizwe kuqatsele nangakumbi ngethuba kubanjwa kuvalelwa ikumkani uBuyelekhaya Dalindyebo kwisithuba esingaphezulu konyaka. UNkosi Mkhuthu uthe “Umntu wokuqala owadala ingxaki ngokuthengisa isizwe sabaThembu nguyise kaNdaba uNgubengcuka ngokuxabisa abelungu kakhulu. Makubizwe zonke izindlu zesi sizwe kukhangelwe izisombululo kungabizwa abathile abanenjongo zokuzihluthisa kuyekwe abanye.”

Le nkokeli ithembisa ngokubhenela enkundleni yamatyala ngelichasa ukubekwa kwebambela kumkani elixhuzula intambo uAzenathi Dalindyebo. UMkhuthu ukwathe “Asihambisani nokubekwa kukaAzenathi engavumanga ukumkani uZwelibanzi.

Akukho ndoda inegunya lokungena emzini kaZwelibanzi ibeke unyana kungenjalo nabani engavumanga uyise. Asikho kwinkampu ethile kodwa sithi makubekwe umntu ofunwa yikumkani uKumkanikazi Nokwanda Dalindyebo, kuba lo nto ayikhabani nesiko labaThembu. Xa ikumkani yayiphakamisa unyana wayo ekuqaleni yayingayoleli,yayinelungelo lokutshintsha nanini.”

Ufunge wamunca intupha uMkhuthu ngelithi abasoze bavunyiswe into abangayiqondiyo bengabaxhasi bakakumkani uZwelibanzi. “Asinakubukela kunyhashwa kuthotywa isidima sekumkani yethu ngabantu abanenjongo ezigwenxa.

Sithi makudityaniswe zolishumi nesibini izindlu zikaThembu kuboniswane. Ikomishoni ebichophele umba webambela kumkani yathatha icala nanjengoko sayibhalelayo sicela intlanganiso nayo kodwa yakhetha ukungasiphenduli,” icacise yatsho le nkosi.

Eli qela leenkosi zabaThembu livela kanye kwisithuba esingaphantsi kwenyanga urhulumente wephondo leMpuma Koloni ebeke wabamba intlanganiso namaqela esi sizwe amabini eMthatha ngenjongo zokukhangela iingcebiso ngomntu omakabambele njengekumkani yabaThembu phakathi kukaAzenathi noNkosi Mankunku Dalindyebo. Le ntlanganiso yayikhokhelwa ngumphathiswa uFikile Xasa.

Phakathi kweenkosi ebezikhona kule ntlanganiso kwinyanga ephelileyo ziquka uNkosi Zwelithobile Mtirara, uNkosi Mankunku Dalindyebo, uNkosi Zwelenqaba Mgudlwa, noNocollege Dalindyebo, uNkosi Jonginyaniso Mtirara nabanye.