Umlibo wabo kuthiwa uhamba ngolu hlobo: uHuhuhu wazala uHenge; uHenge wazala uSabela; uSabela wazala uNtramonde undlunkulu noNtsethe ukunene. UNtramonde wasendlunkulu uzele uNtshangase noNgutshana, aze yena uNtsethe wasekunene azale uMthwana kwindlu enkulu noXolo ekunene. UMthwana uzele uMacekwana; uMacekwana uzele uNjilo, wazala uHlotshana, wazala noNyiki. UNjilo uzele uJali noMkhonde; uJali uzele uMalitshe.
UNkosi Jongilizwe Ntola kwileta awayibhalela amarhulumente ngomhla wama-24 Agasti 1959 umlibo wamaNtshangase wawubalisa ngolu hlobo, esitsho ukuba leyo yimbali ayive ngooyise bakhe nabo ababeyive ngooyisemkhulu babo, wathi: “Inzala mzi nguNtombela, uNtombela uzala uZulu; uZulu uzala uDabuketyeni; uDabuketyeni uzala uZembe; uZembe Uzala uSabelo; uSabelo uzala uMsali; uMsali uzala uMpongoza; uMpongoza uzala uMaphumla, uMaphumla uzala uMsuthu, uMsuthu uzala uNomakhalendlovu; uNomakhalendlovu azale uNtamonde; uNtamonde uzele oonyana abasibhozo, abangaba: UNtshangase; uNgutyana; uSilangwe; uMthwana; uMachi; uXolo; uNzimakhwe; uJali.
UNgutyana wazala uKhalimazime; uKhalimazime wazala uNomakhalendlovu; uNomakhalendlovu wazala uMbingwa; uMbingwa wazala uMsengethe; uMsengethe wazala uMayitshi; uMayitshi wazala uMsebe; uMsebe wazala uNgqwanda; uNgqwanda wazala uPapa; uPapa wazala uMyeki; uMyeki wazala uMadikizela; uMadikizela wazala uLangasiki.
AmaNgutyana sitshilo ukuba azalwa nguNtramonde. Abanye ababalisi bathi: umlibo wamaNgutyana uthi uNtramonde wazala uNgutyana wazala uKhalimazime; uKhalimazime wazala uNomakhalendlovu; uNomakhalendlovu wazala uMbingwa; uMbingwa wazala uMsengetshe; uMsengetshe wazala uMayitshi; uMayitshi wazala uMsebe; uMsebe wazala uNgqwanda; uNgqwanda wazala uPhapha; uPhapha wazal uMyeki; uMyeki wazala uMadikizela; uMadikizela wazala uLangasiki; uLangasiki wazala uKing owathi akazala, kunye noBilly ozala uMbungwa.
AmaNtshangase, namaSilangwe, nabaThwana, namaChi, namaXolo, namaNzimakhwe ngabantakwe.
Kuthiwa xa ethuthwa amaNgutyana: Ngutyana, Msuthu,Candandlovu, Makhalendlovu, Manci, Msengetshe, Jolinkomo, Sahihi, Zotsho, Mkhutshwa, Madikizela, Bhucana, Mcheke. Duntsul’entabeni, Impalampala emdaka, Sicithi somsuka basikhabe basisarhaza, Kanti basandisile, Sanwen’ okomlilo wedolo, Satshisa uMgodlana ezalwa nguKhethelo, Izibaya zika Phapha zikaNqwada, Duntsel’entabeni, Basela amanzi eSwane, Malandelwa yintombi ithi ndizeke!
Amanye amaNgutyana athi wona angooSikobi: Sikobi, Ngutyana, Madikizela, Bhucana, Mcheke, Candandlovu, Nobheshu. Amahlahlandlela ngokuvula iintaba zoLundi zingenandlela, Azenza zanendlela.
AmaNgutyana la abe nebala elihle kwimbali yelizwe loMzantsi Afrika kuba uNkosazana Winnie Nomzamo Madikizela-Mandela yintombi yakwaNgutyana. Enye yezona mbali nelona bala lingasayi kuze lilibaleke kumzi wamaNgutyana kukutshata kwakhe noHloniphekileyo nowaziwa lihlabathi lonke uGqirha Nelson Rolihlahla Mandela nowaba libanjwa eladontsa iminyaka emininzi esiQithini saseRobben Island eKapa, laze lathi ukuphuma kwalo laba ngoMongameli wokuqala woMzantsi Afrika. UNkosazana Winnie Nomzamo Madikizela-Mandela watshata noGqirha Nelson Rholihlahla Mandela emva kokuba ewuchithile umtshato, wohlukana nenkosikazi yakhe yokuqala uEvelyn.
Eli bhongo lomtshato laphuma kwiphephandaba laseMthatha ‘Umthunywa’ ngomhla wei-07 kwinyanga kaJuni ngowe-1958 kwabaliswa kwathiwa “Sive zamnandi ezokuba iNkokheli yeSizwe uMnu. Nelson R. Mandela, igqwetha laseRhawutini ubebambe ingxikela yetheko lengeji kutsha nje phaya eOrlando eRhawutini. Ubebhengeza ungejo lwakhe noNkzn. Winnie Madikizela. Bobabini ziinzalelwane zalapha eTranskei.”
Kwakhona ngomhla we-12 kwinyanga kaJulayi ngowe-1958 eli phephandaba lakhupha inqaku ngalo mtshato, elithi, ‘Ubemkhulu umtshato wento kaMandela’ elaqhuba lathi: “Ukuqala kokubonakala ukuba le mini yeqawusi negugu iza kuba ngundaba-mlonyeni kungoMgqibelo wama-14 kuJuni, xa kubonakala umngcelele nothotho lweenqwelo zomlilo zikrozile ukuya kula cawa yaseLudeke. Ngayo le mini kube kubotshwa iqhina lomtshato phakathi koMnu. NR Mandela igqwetha laseRhawutini noNkosazana WZ. Madikizela unontlalontle eRhawutini, okhaya lilapha eBhizana.
Loo ndlu yecawa isinde izala ngabantu abebelangazelela ukubona le ndedeba iwe komnye weentyatyambo zesithili saseBhizana, kunye nezinye izinxibamxhaka ebezilindele ukuza kuzimasa elo theko lakhe.
Kuhle kwavakala kwa imbongi uMnu. Gamndana ongumfundisi-ntsapho apha eBhizana osuke wavela enxibe ezohlanga ukuba, ‘Namhla kunamhla inkundla isemaMpondweni.’ Itsho le mbongi amadoda ashukuma acikelwa ziinqawa, zavakala iintombi nabafana zitsholoza ngoncuthu lwengoma.
Inkonzo yeli theko ibiphethwe nguMlu. GG Madikiza oyishwankathele ngobuchule, waza waliqhina iqhina. Ngelo xesha ukhe wanika ithuba abavumi abebephantsi kwengalo kaMnu. GT Makalima, B.A., ingqonyela yaseLudeke Secondary obethe zambini, wagqibela ngo “Thanks be to God”
Ibuthelene yonke loo mpi yathi saa ukuya ekhayeni leNkosazana kwaMnu. CK Madikizela ingqonyela yaseMbongweni Primary Skolo. Kube yinto entle ukubona iimfundi zitshata. Ndibone sele kuthe xumbu kuloo mrhurhumezo mhle wabatshati nabakhaphi, nawalapha amagqwetha abaNu. T. Ntwasa noHZ Sekeleni. Lithe cimbi ilanga kusafane yabubuhakahaka.
Kuqondakele kwangokuba ulwamkelo lube kulaa holo yabeLungu, ukuba olu lolunye olungafani nolwemitshato engaphambili. Umququzeleli nenjoli yolwamkelo ibenguMnu. TT Ntwasa, othe eqala nje esenza amazwi yabe imbongi imi eqongeni ikwanxibe ezohlanga. Emva koko kuthethe uMnu. N. Ntshona ofune ukugqiba onke amazwi, ngesiqhazolo nodlwabevu lwentetho emyoli. Siwetyise loo mazwi ngokuphulaphula ingoma ivunywa ngama “Music Six Coins.”
Elandelayo intetho yeyo Mnu. Njisana, B.A., othe wabulela ukuba babe abatshati bazisene enkundleni xa eli xesha sikulo lidume ngezipeshele, wenza ongako umbulelo egameni lakwaNgutyana.
Kuphakame ngoku uDr. Njongwe wabetha awoxolo, othe yena amaNgutyana makahlale onwabe umntwana ngowabo bamfumene, ayikho into enokubachukumisa mabangoyiki.
UNkoskz. Mbekeni uMongikazi eRhawutini uthethe egameni labahlobo abangekhoyo wabulela kangako bonke ababekhona egameni labaThembu.
Intetho yokugqibela yenziwe nguMnu. CK Madikizela othe wayicutha ngobuchule yonke intetho yakhe wada waya we tyaa kungekho litye angalimbululanga. Uvalile ke uJwarha uMnu. Ntwasa ewuphethe ngobuchule obumangalisayo wonke loo mcimbi kwada kwasekupheleni.
Naba ababekhona beze kuzimasa eli theko: Dr. W. Tyamazashe; Dr. Conco; Dr. Njongwe; Dr. Tshweni; Dr. Leteli; Advocate D. Nokwe; Mr Attorney J.G.S. Vabaza; Mr Attorney M.S. Toni, BaNu. Ntshona; Ngqula; namaKhoskz. Ntwasa; Mabuya, kunye noNkskz. Telejane nabanye.”
Athi amaXhosa akukho nto ingapheliyo, engapheliyo iyahlola. Umtshato kaWinnie Madikizela noNkosi Nelson Mandela wathi waqhawuka waze uNkosi Mandela watshata uNkosikazi Graca Machel umhlolokazi kowayesakuba nguMongameli waseMozambique uSamora Machel.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi