Isizwe sibanjwe nguMgaqo-siseko

Ndiwothamele ngomonde ke umcimbi wokuthinjwa kwesizwe nabantu baso! Kuthi Bantu, akubhubha umnini-mzi kumiselwa unyana omkhulu ukuba athathe indawo kayise ukuze umzi ubenomntu, ungabi wodwa.

Akuthatha uhambo umntwanomhle ushiya iphakathi elithembekileyo, xa kungekho ufanelekileyo kwabegazi, lisale nomzi ukuze ingemi imicimbi yekhaya!

Le yeminye yemithetho yethu thina Bantu eqinisa yomeleze intlalo yethu. Siwuxabisile umzi, kwaye asikholiseki wakhuxhwaleka nangasiphi na isizathu.

Umfana akufikelela ebudodeni obupheleleyo unikwa igunya lokuma owakhe umzi, ngemithetho yokumiwa komzi nokugcinwa nokuphathwa kosapho.

Eli siko nesithethe sethu sisiphuntshiwe xa kunamhlanje. Asikuko nokuba kumhla siphuntshwayo, saphuntshwa mhla samkela uMgaqo-siseko wedemokhrasi kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini eyadlulayo. Kukhona siphaphamayo ke namhlanje kobo buthongo! Oko silele ixesha eli.

Kukunganyanisi ukuthi bubiwe uBuntu. Sithi esananisa ngabo ukuzuza ulawulo lwentando yesininzi. Kungelishwa ke ukuthi kanti sinanisa ngabo nje sikwanezinto esisazithandayo kubo. Asisenakubuya umva ke ngoku; enokuba sinqwena kangakanani na!

Eli lelinye lamatyeli anzima okucelwa umngeni koMgaqo-siseko yimithetho yemveli. Sele sathetha satywina sathi “azibi mbini buhlantini bunye, kwakubanjalo luyadilika uthango”.

UMgaqo-siseko neSintu bubukumkani obahlulelene kubuni obo! Ngalawo ke uMgaqo-siseko awunakuma ndawonye neSintu, kufuneka kukho ehlehlayo. Yeyiphi ke emayihlehle? Ndokhe ndikuve ke zwindini!

Umzi lo uthinjwe ngoMgaqo-siseko hayi ngesintu. Umnini-mzi waphule imithetho yoMgaqo-siseko, hayi eyethu. KuMzantsi Afrika omtsha ke akukho ntsimi yankosi, wonke umntu uyalingana phambi kwengalo yomthetho wawo.

Njengoko sesatshoyo sathi azibi mbini buhlantini bunye, sisitsho sinyanisile ke kambe kuba kunjalo ngenene, umnini-mzi akanakubuyiswa ngemithetho yethu ke ngoko.

Ukuba ubuyiswa ngayo kuyakufuneka ulahlwe kude lo Mgaqo-siseko umiyo, kubuyiselwe imithetho yethu. Kungenjalo olo iya kuba lolunye unyhasho-mthetho.

Ukuba ke mhlawumbi kusatyelwa kwisililo sosapho olusele lodwa nolulixhoba kwizandawana sithetha nje, kuyakufuneka kulandelwe kwalo Mgaqo-siseko mnye.

Isililo kufuneka sicace ke ngoko ukuba lutarhuziso, ukuze siqwalaselwe ke ngokwenceba esamagunyeni kaMongameli.

Mna siyandixhalabisa njengokuba ndisimamele nje, kuba sineendawana ezirhuqela umrhaji uMgaqo-siseko.

Ukuba siwa phantsi isililo, okuseleyo kukuba kuphinde kucikozelwe ukuphicothwa ngokutsha kwenkqubo elandelweyo ukufikelela esigqibeni sokuthimba umnini-mzi.

Kudala ke izigebenga namasela anobuqholo bengcuka ekwenza ngempumelelo oku; nanga esidla iigusha zethu nangoku.

Izigrogriso zosapho azibobuchule kule imeko. Zikukudlala ngomlilo libalele.

Makuqiniswe apha kwiinyembezi zotarhuziso, nangona sisazi nje ukuba iinyembezi azaziwa kwesi sithethe namasiko sazicholela wona. Sithi thina Bantu abazaziyo nabazoyikayo iinyembezi zolu sizana.

Ukuphalazela iinyembezi uMgaqo-siseko kufana nje nokulilela isiduli esothi sakufuma simenquke iintubi zikumfikile.

Ukuba ke usapho alunakuzixolisa, lwamkele ukuba ubuntu bethu sananisa ngabo sathatha uMgaqo-siseko, malube lunovukelo. Okunene salizuza ilizwe kubathimbi abakhohlakeleyo, kodwa samisa mthimbi wumbi endaweni yalowo ukhohlakeleyo, yena osibetha esikhwaphile. Uzenzile akakhalelwa ke!

Okona kusifaneleyo kukuba sizakuzele uhlengahlengiso kulo mthimbi wethu mtsha simthandayo.

Sinako ke ukuyenza loo nto kuba lo umthimbi ngowethu kwaye naye uyakuvumela oko.

Esingenakuyenza ngempumelelo esebulungiseni kukumvukela.

Ukumvukela iyakuba kukubeka thina neentsapho zethu ngentsula elahleni, siphulukane nozinzo nenzolo nolonwabo, sibe- lilizwe eliqamela ngekrele nentshuntshe nekhawu!

Kazi lozala nkomo ni na ke? Ndoke ndikuve zwindini! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba