Isizwe sooMzize

Esi sizwe sifumaneka emaMpondweni kwindawo ekuthiwa ngamaMpondo aseMpuma. Aba bantu bangoMzize bazalwa nguMpisi, imbali yabo ithi: AmaMpisi la aziwa ngokuba ngamaMpondo aseMbo, abanye abantu bawayamanisa namaZotsho.

Aba bantu babenokwendiselana kakhulu nesizwe sabaThwa. Aba bantu baphuma embindini welizwe lase-Afrika, ngethuba besihla ukuya kwabo kwiphondo laKwaZulu-Natal bakhe bema eSwazini.

Kwiphondo laKwaZulu-Natal bandululwa ziimfazwe zikaTshaka baze babaleka belandela amaMpondo nawo awalishiya elaKwaZulu-Natal ngokubaleka uTshaka. Kulo mhlaba beme kuwo bafika ungemanga mntu, kodwa emva kweemfazwe zikaTshaka bathi babaphantsi kukaFaku.

Imbali ithi inzala-mzi yamaMpisi nguBumbantaba, uBumbantaba uzele kwindlu yakhe enkulu uMpisi, waze kwindlu yakhe yesibini ebizwa ngokuba kukunene wazala uKhanyayo, kwindlu yakhe yaseqadini yesithathu nekwabizwa ngokuba likhohlo wazala uMzize.

NgokukaNomagqwethekana inkosi yaba bantu: “Kudala-dala inkosi yokuqala yeMizize ukufika kwabo kwilizwe lamaMpondo aseMpuma yayinguNkosi uKhawuta. Kuthe ukusweleka kwakhe kwalawula unyana wakhe uNkosi uMagatyana, naye olandelwe ngunyana wakhe uNkosi uNyawuza elulawulweni. Uthe uNkosi uNyawuza naye akubhubha inkosi yeMizize yangunyana wakhe uNkosi uMkhawu.

Uthe naye akubhubha uNkosi uMkhawu isizwe salawulwa ngunyana wakhe uNkosi uHlangu. Kuthe ngethuba lobukhosi bukaNkosi uHlangu kwafika apho kwilizwe lamaMpondo aseMpuma uNkosi uCokhwe wamaNikhwe kunye noNkosi uNgoma waMadiba.

Ubhubhile uNkosi uHlangu walandelwa ngunyana uNkosi uNkonzo, naye othe akubhubha walandelwa ngunyana wakhe uNkosi uMditshwa.

Kuthe ngethuba likaMditshwa kwafika ezi nkosi, uNkosi uMadikizela, noNkosi uSontsele, noNkosi uXonywa, noNkosi uBhekamva.

Kuthe ukusweleka kukaNkosi uMditshwa kwangena unyana wakhe uNkosi uPhathekile, nekuthe ngethuba lokulawula kwakhe kwafika uNkosi uMjanyelwa. Enye into endifuna ukuyicacisa bubukho bukaNkosi uBhekamva kwilizwe lamaMpondo aseMpuma.

Ngenye imini kwakukho umjadu owawubanjelwe kumzi owawunomtshato womfo kaGasela wasemaMpingeni. Phambi kukokuba lomjadu uqhutywe kwabakho ukuphikisana phakathi koKumkani uMqikela wamaMpondo aseNyandeni nomntakwabo uNkosi uBhekamva.

Wayesithi uKumkani uMqikela iinkomo zikaNkosi uBhekamva zimbalwa kwaye ziza kushiywa xa zibalekiswa nezakhe. Kwelinye icala wayesithi iNkosi uBhekamva ezakhe ziza kuzogqitha ezekumkani. Kusenzeka le nto nje uNkosi uBhekamva uphethe eMthontsana.

Ekugqibeleni inkomo zaditywa elugqatsweni, kubonakale zisuka nje ukuba iinkomo zikaNkosi uBhekamva ukuba zininzi kakhulu kwaye ziyazishiya ezikaKumkani uMqikela.

Le nto imcaphukisile ikumkani wabonakala ngathi unomsindo ngakumntakwabo kubantu aababukeleyo. UNkosi uBhekamva uthe ngenxa yokoyikisela ubomi bakhe kuba ngezo mini zaphambi kokufika komLungu kwakulula ukuqhambuka kwemfazwe ngento encinci, wesaba waya kulonina apha kwiMizize.

UNkosi uBhekamva ufikele kuNkosi uMditshwa waze wabuzwa ukuba kutheni na elapho. Waye waxela ukuba ubaleka umntakwabo uKumkani uMqikela, woyikisela ukuba ambulale.

UNkosi uMditshwa weMizize akanelisekanga waza wesusa amadoda amathathu awathembileyo ukuba ayekumbuzela eQawukeni ukuba uNkosi uBhekamva ukho ngabuni na apho. Lo madoda yayinguLobolani, noGwampe, noNgojiba.

Impendulo yekomkhulu laseQawukeni ithe: “Hambani nifike nithi koHloniphekileyo iNkosi yeMizize mayincede imgcine kakuhle umtshana wayo, imgcine kakuhle umntana kabawo.

Bancede bamnike inxuwa apho kufutshane nekomkhulu kuba ngokwazi kwam andisazi isizathu abaleke sona, inokuba ukhohliswe ziinduna zakhe. Bancede basoloko bemgadile kuba ebekhe wathinjwa ngamaXesibe.” Liphela apho ke ibali lokufika kukaBhekamva kwisizwe seMizize.

Kuthe ngowe-1884 ukungena kwamaMpondo phantsi kombuso wamaNgesi uSir Cecil John Rhodes noKumkani uSigcawu wamaMpondo bathumela iMantyi uSpring kunye nenduna yaseQawukeni uFadana umfo kaMbulawa bathi kubo mabaye kuxelela uNkosi uPhathekile weMizize ukuba amaMpondo wona aphantsi koRhulumente weNkosazana uVictoria wasemaNgesini.

IMizize nayo ivumile ukuba phantsi koRhulumente wamaNgesi yaze nomantyi yamfunela inxiwa. Ukususela ukuba iMizize yaba phantsi koRhulumente akukho nkosi namntu wakhe waphatha wanamandla angaphezu kwawobukhosi beMizize.”

Xa benqula bathi: Iinkomo zikaMzize; zikaMthabasi; zikaNyembezi; zikaMagatyana; zikaKhawuta, zikaGwelethe, zikaMkawu, zikaHlengu, zikaVangendaba, zikaMkhonza, zikaMditshwa, zikaPhathekile, zikaNomagqwelekana!

mtakamakuliwe@webmail.co.za 083 542 9474