I’solezwe lesiXhosa linoMhleli omtsha!

Vukile Sonandzi

I-Africa Community Media (ACM) epapasha I’solezwe lesiXhosa ichonge uMhleli omtsha emva kokubeka phantsi iintambo kukaMnu Unathi Kondile ongumseki weli phephandaba.

Ezinyaweni zakhe kungena uMnu Vukile Sonandzi onguMhleli wephephandaba lasimahla iVukani, elihanjiswa kwiilokishi zaseKapa ezifana noLanga, Nyanga, Gugulethu, New Crossroads, Philippi, Mandalay, Mfuleni naseKhayelitsha veki nganye.

Umlawuli weACM epapasha I’solezwe neVukani, uNksz Sandy Naude, umnqwenelele impumelelo uMnu Sonandzi kulo msebenzi wakhe, watsho esithi ndlelantle nakuMnu Kondile.

“Simbulela kakhulu uMnu Kondile ngegalelo lakhe kupapasho lwephepha lesiXhosa, kwaye simnqwenelela okuhle apho aya khona,” utshilo uNaude.

USonandzi uthe uchulumancile leli thuba kwaye uza kwenza konke okusemandleni akhe ukuqinisekisa iintatheli zeli phepha ziqhubeka ziphaka iindaba ngobunjalo bazo.

“Lithandwa kakhulu eli phepha ngabafundi balo, asizimiselanga ukubadanisa tu kwaphela. Siza kwenza iinguqu apho zifunekayo kodwa sakuhlala sinazisa njengabafundi bethu” utshilo uSonandzi.