Isondlo Somntwana

Bunzima ubuxelegu obavelela isizwe, into yokuba abantwana badinge abondli. Akukho mntwana uhla esibhakabhakeni okwelitye lenyanga, wonke umntwana unomzalayo.

UMdali wayenza kakuhle le nto, ukuba umntu angakwazi ukuzala engakhange adibaniselane nowesinye isini.

Oku kwenza ukuba umntwana abe sisiqhamo sabantu ababini, abe nabantu ababini bokumkhulisa ke ngoko.

Ihlabathi lazuzana nobugqi bokubhentsisa inkqubo yokuzala nokuzalisa. Umfazi ngoku ucela imbewu nokuba kusesidengeni azifumanele umntwana, umntwana onomzali omnye.

Indoda iqeqebula amasimi angengowayo okwenkobongela, iwatyale, ingaze ibuye izihlakule ezo zithombo, iziyekele kwintengu.

Imbi into yokuhamba usandlala de wandlale namarhonya; neyokuhamba usandlalwa nangamaxelegu, ilizothe.

Kule mihla sinabantwana abakhuliswa calanye ngenxa yezi meko. Ndiyazibona ke nezokulahlwa kwabafazi nokwaliwa kwamadoda, abantwana basale necala elinye.

Nangona kunjalo, esiXhoseni ayikho inkedama, nongenabani unomnonelelayo.

Andiyazi ke le nto yafikela abantu yokonqena ukondla. Aba bafana bahamba besondlalelwa bakonqena ngeyona ndlela ukondla.

Wofika bekhala ngeempumlo nangeenyawo ezingafaniyo nezakumawabo esakuzalwa umntwana, kufuneke ukuba makuhanjwe kufaniswa kufunwa noluvo lobungcali ngezemfuza.

Kuthi sele iphunyelelwe naleyo, kuhanjwe ezinkundleni kunyanzelwana naba bafana ukuba bondle, ndingazi ukuba ukuzala oku bacinga kukungcolisa iindonga na!

Amadoda anamhlanje akakufuni ukondla abantwana engengababo. Elowo ufuna ukondla owelakhe isende.

Andiyazi ivela phi na ke loo nto, kuba emakhaya sikhule kukho abantu nabantwana esasingawazi umlibo wabo, uthi wakufuna ukuqonda kwabadala uheshelwe kude.

Ikwayinto endala ukungafani kwabantwana entla kweziko ngenxa yobufede bendoda nobuxelegu bomkayo, kodwa indoda yondle konke bakhule abantwana bengazizalanga nje.

Indala into yokuba indoda yondle nongengowayo, nam ngokwam sele ndikhulise inqwaba yabantwana abangengobam.

Eyokubazi nokungabazi ayidali mahluko, elimiyo lelokuba asingobelam. Phaya ekhaya sinabafana abaxakwe bubuhle, iinto ezihamba zitendwa ziintokazi okwamaphakathi etendwa zizima-mhlaba, iinto ezilala apho zihlwelwe khona, ezingafuni ukubanezazo izikhundla. Basoloko bebuya nesasa ke okwesayibhokhwe elidla esingeni. Ziyakhanyela ke ezi nto!

Minazana ithile ubawokazi ukrokrela umntwana owaza kuthiwa ntimfa phambi kwethu sisazonwabele. Kwathi nabanye bethu besambombozela suka ndatsholo phezulu ndathi “nguye, makondliwe maNgcengane!”

Ube ngapitshalaza ubawokazi ndabe sele nditshilo. Wabangathi uzothi akukhula lo mntwana afune izinto zakowabo, ndathi “kwakuba kukhona kulungileyo kuba uza kube elikhomba ngokwakhe ikokwabo elo, ngowethu okwangoku.”

Kwabangathiwa ziza kungamlungeli izinto zalapha ekhaya, ndathi “kuza kube kukrokra nina kungekho nto ingavumiyo!” Wavalwa ke umkhusane, siyondla ke nangoku! Isizathu sokuba ndenjenjalo asikokutshonisa umzi.

Qaphelani kaloku, nabani na otyholwayo sukube enomda awenzileyo endimeni, enokuba utyale ngegqongo lomgquba na waza wancediswa ngonelembewu. Singoobani ke ngoku ukukhanyela singakwazi nje okwenzeka esizalweni somfazi? Hayini babhem!

Kutyholwa wena nje sukube ulelona xelegu lingumdlungu odlekayo kumaxelegu ebesandlalwa ngawo unina womntwana. Ngako oko liwonga ukutyholwa bafana ndini bazizifede!

Mabondliwe abantwana madoda. Nokuba niyatyholwa na yondlani.

Nomgqakhwe uyondliwa! Kambe ke, nabo ubondlayo ungafika kukho abakrokrayo ukuba ‘ubanjiswe ilahle’.

Thina bengubo ke sazikhulula kudala kuleyo mbandezelo, ngeqhalo lethu elithi “ubushushu bomntwana baziwa ngunina.”

Umhleli wam kweli phepha-ndaba uke wandigqwetha ndisithi abantwana bam ngabomfazi; wayiguqula yena intetho yam wathi ‘ngabethu’, ndaqonda ukuba limshiyile endele ebugangxeni nje!

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.