Isukil’ indaba kwiSixeko seeNgcwele!

NAMHLANJE izitalato zaseMakhanda ziza kuphithizela nanjengoko uluntu namagcisa aza kube ehlangene kwesi sixeko ukuza kubonisa ngemisebenzi yabo kuMnyhadala wezoBugcisa kaZwelonke.

Lo mnyhadala uqala namhlanje umhla we23 kaJuni de ibe ngowesithathu kuJulayi 2022.

Lo ngunyaka wama20 urhulumente weMpuma Koloni uxhasa lo mnyhadala.

Ibalelwa kwizigidi ezilishumi elinesithathu imali efakwa ngurhulumente ekuxhaseni lo mnyhadala.

“Le nkxaso ayipheleli nje kwiintshukumo eziqhubeka kwiintsuku ezilishumi elinanye zalo mnyhadala, kodwa ikwaphumela nakwiziseko zophuhliso kwakulo mnyhadala,” kutsho iSebe lezoBugcisa leMpuma Koloni.

Iinkqubo zophuhliso kulo mnyhadala nalapho amagcisa axhamla kuzo ziquka iCreative City Project ngokubambisa noMasipala waseMakana, uMasipala weSithili iSarah Baartman kwakunye neYunivesithi iRhodes.

Lo mnyhadala wasungulwa nguNjingalwazi Roy Sargeant kwanoNjingalwazi uGuy Butler ngo1974.

“Iinjongo ababenazo yayikukunika amagcisa iqonga lokubonisa imisebenzi yawo ngaphandle kokuqeshwa. Kunanamhlanje amagcisa ayaxhamla ngokuthabatha inxaxheba kulo mnyhadala,” kutsho uDSRAC.

UMnyhadala woBugcisa kaZwelonke (NAF) ngoyena mnyhadala mdala eMzantsi Afrika nakwizwekazi leAfrika oqhutywa ngenyanga kaJuni noJulayi eMakhanda.

Ngo2024, lo mnyhadala uza kube ufinca iminyaka engama50 waqalayo.