Itakane legusha elineempawu zomntu

Umhlola wetakane legusha elizelwe eQaqeni eLower Ndonga eLady Frere elineempawu zomntu nehagu UMFANEKISO: UTHUNYELWE/FACEBOOK

 

Ngumhlola ongakholelekiyo, kodwa kungenene okokuba igusha yaseQaqeni eLower Ndonga eLady Frere izele itakane elineempawu zomntu.

 

Le gusha, ngokokutsho kwabanini bayo, iqale ukuba neempawu zokulunywa ngeCawe. Izolo (ngoMvulo) iye yala ukuphakama ebuhlanti sabe isisu sisikhulu ngendlela emangalisayo.

 

Abanini bayo bayizamele amayeza okuthothisa isisu becinga ukuba inokuba iqunjelwe. Ithe yakubonwa ukuba ayide ibengcono bagqiba kwelokuba mabayinqumle ukuyisindisa kokokupena-pena sisisu.

 

Umhlola wento! Xa beyihlinza bezakukhupha amathumbu, gqi ngelona lakhe lalikhulu itakane esibelekweni. Xa besiqhaqha isibeleko bagangwe ngumbono owothusayo wetakane elineempawu zomntu kwanehagu.

 

Isifuba seli takane sifana nqwa nesomntu, logama intloko nemilenze ibambe buhagu. Abanini begusha bathi eli takane, limpuluswa alinaboya njengoko bekufanele ukuba kunjalo kwitakane legusha.

 

Abanini bale gusha batsalele amapolisa, athe acebisa ngokuba kubizwe abalimi.

 

Sithetha nje eli takane likumagosa ezolimo eLady Frere ukuhlola esona sizekabani soku.