Mthetheleli Mazwai
Sele kusondele iminyaka emibini livaliwe ithala leencwadi iMphatisi Nonkobongo Public Library eLibode.
Eli ziko lolwazi libe lixhoba lezantyalantyala zemvula ezikhatshwa yimimoya ebhudla ngamandla ngenyanga kaTshazimpuzi ngo2022.
Imozulu embi yalususa uphahla lwesakhiwo yaza yanethela iincwadi nobuxhakaxhaka beekhompyutha.
“Asikwazi ngoku ukusebenzisa esi sakhiwo ukuze sifumane ulwazi kunye neencwadi,” kutsho uKhanyiswa Mgcotyelwa eme ngaphandle kwamasango.
Uqhube wathi, “Siyasokola thina abangenazo iimfonomfono zikanokutsho ezikwaziyo ukungena emnatheni.”
“Kunyanzelekile sikhuphe imali ukuya kumaziko ahlawulisayo ukuze ufikelele kumnatha (internet café) ukuze senze imisebenzi okanye sifake izicelo kumaziko okufunda akufutshane,” kutsho okaMgcotyelwa.
Amazinki kunye nezinto ezisetyenziswe ukufulela zithe saa phambi kwesi sakhiwo emveni kokuphetshulwa ngumoya.
USodolophu uViwe Ndamase kwakunye noceba wakwaWadi 7 uAnathi Ntsunguzi abafumanekanga ukuba baphefumle ngalo mba.
Akukacaci ukuba eli ziko liza kulungiswa nini ukuze abafundi abasuka kwizikolo ezikufutshane bakwazi ukulisebenzisa njengoko sele kuza kuvulwa izikolo.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!