Ibizele imi ngeembambo iholo yoluntu eVaalbank, nalapho bekudibanele khona iqela lezopolitiko iUDM.
Le ndawo nengahoywanga, yayikade iphantsi kwephandle elalisaziwa njengeTranskei kufutshane nedolophana yaseDordrecht ngamaxesha olawulo lwengcinezelo. Le ndawo yenye ethe yathwaxwa kakukhulu yimbalela nokunqaba kwamanzi.
Abantu basuke kwiinkalo ngeenkalo bezokuphula-phula iinkokheli zasekuhlaleni zalo mbutho. Eyonanto ibatsale umdla kukufumanisa ukuba lo mbutho weUDM nokhokelwa nguNjengele Bantu Holomisa, uneenjongo zokulwa norhwaphilizo kwilizwe ngokubanzi.
Uninzi labahlali balapha lutyhola ngokuthi imali yaseburhulumenteni eninzi yehla ngomlenze umhla nezolo.
Bakhala esimantshiyane ngokungabikho kwamanzi okusela acocekileyo, iindlela ezisemgangathweni kwakunye nentswela-ngqesho. Bathi kule minyaka idlulileyo akukho nanye into abathe bancedwa ngayo ngabasemagunyeni, into abathe gqolo beyifumana zizithembiso zemihla. Usihlalo weli qela uSakhile Mintolo, nokhokelele ekuvuselelweni kwamasebe alo mbutho kwiilali ezilishumi elinesixhenxe [17] uzive enolonwabo.
Ucacise wenjenje: “ Siqinisekile ukuba umbutho olawulayo uzakukhala ngaphantsi ngeevoti emva kolonyulo lalo nyaka. Amafama ethu akanalo uncedo alufumanayo kurhulumente, into eyenzekayo kukutsala nzima kwabo bebanjelwa imfuyo ekuthiwa iyabula endleleni ngumasipala wethu iEmalahleni. Lo nto isenza singonwabi kwaphela.”
Unabise ecacisa ngenkqubo abazakuyilandela ukuncedisana neemfuno zabantu, apho athe wabalula unyango olusemgangathweni kwakunye nokuvula amathuba engqesho. Uligxeke kakhulu iqela elilawulayo esithi alinamdla kwizidingo zabantu, kwaye baya eluntwini emva kweminyaka emihlanu [5] apho bafika bababethe ngemfe iphindiwe.
UNoyamkela Ndzipho , nongunobhala walo mbutho kwalapha uthe: “Iziqhamo zenkululeko azizange zanethuba lokungcanyulwa lulutsha lalapha. Iinkokheli ezikhokele eli lizwe, zithe rhoqo zihlohla ezazo izisu. I-UDM lelona qela lizimiseleyo ukulilwa neengcambu urhwaphilizo, sele kufikelele ixesha lotshintsho.”
Kwimizi emininzi yalapha kukhala ibhungane, kuba uninzi labantu baye babalekela kwamanye amaphondo befuna imisebenzi ukuze bakwazi ukususa ikati eziko. Kwezinye iilali ezifana neBhawudini azinandlela, iinqwelo-mafutha zoncedo lokuqala azikwazi kunceda abantu apho.UMintolo uthi abantu bazibonele ngokwabo ukuba umbutho wakhe uzakubanceda kwiingxaki zabo.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman