Ithemba elikhulu ngoGrade 12 ka2017

Abafundi besikolo Ulwazi eMdantsane

ISEBE lezemfundo eMpuma Koloni likholelwa ukukhweba abo babesakuba ziinqununu kwizikolo zephondo kuza kuziphucula iimviwo zikaGrade 12 kunyaka ka-2017.

Iinqununu ezidla umhlala-phantsi, abo babesakuba ngabahloli kwakunye nabo babesakuba ngabalawuli bezemfundo bakhwetywe lisebe ukuphucula umgangatho obangela ukuba iphondo laseMpuma Koloni litsale nzima ngethuba leziphumo zokuphela konyaka.

Le nkqubo iqale ekuthambekeni konyaka ka-2016.

Ewonke la magosa akwikhulu elinamashumi amane (140) kwaye anikwa izixhobo zokusebenza lisebe kuquka nemali yesephu nesiselo (stipend).Igosa eliyintloko kwisebe lezemfundo kweli phondo uKwedinana Tshwentshwe, uthi ezinqununu zikhethwe ngenxa yokuba bezifudula ziqhuba kakuhle kwizikolo zazo.

“Sinethemba lokuba ngenxa yale nkqubo, uGrade 12 ka-2017 uyakuba nomahluko omkhulu,” ngokutsho kukaTshwentshwe.

Kodwa ojongene nezemfundo kwiDA eMpuma Koloni uEdmund Van Vuuren uthi enye yeengxaki ezijamelene nephondo ngumba wokunqongophala kootitshala.

“Abafundi bebanga leshumi kunyaka ka-2016 bafunde phantsi kobunzima, nanjengoko iititshala ezingamawaka amabini anamakhulu asibhozo (2 800) bezingekho phambi kwabafundi ngenxa yokuba isebe lingafuni kuqasha.

“Le nto inefuthe elibi kwiziphumo. Malunga nekota yabafundi abayi-94 000, bebeliphinda ibanga leshumi,” kutsho uVan Vuuren.