Ithemba elitsha ngomkhuhlane weenkukhu

Kukho iimpawu zokuba liyehla izinga lomkhuhlane weenkukhu obusele ubangele inkxalabo emandla kumafama weenkukhu noluntu ngokubanzi.

Ngenxa yesi sifo zingaphezu kwezigidi ezisixhenxe iinkukhu ezifileyo nezibuleweyo kweli loMzantsi Afrika ukusukela kwinyanga ephelileyo.

Lo mkhuhlane ubonwe kakhulu kwiphondo laseRhawutini nalapho wenze khona umonakalo omandla ukusukela oko uqalile. Iinzame zokubanjwa kwawo ukuba inganwenweli kwamanye amaphondo zizele amaduna namathokazi.

Ingxelo ithi lihlile inani leenkukhu ezifunyanwa zosulelwe sesi sifo, logama kuzanyanwa nezo zichaphazelekileyo. Ukubulawa kwezi nkukhu nokufa kwazo kubangele ukunqongophala kwamaqanda ezivenkileni.

Inyama yenkukhu yona ibisafumaneka ngokuqhelekileyo ezivenkileni. UIzaak Breitenbach weSouth African Poultry Association uthi likhona ithemba lokuba inyama yenkukhu namaqanda izakufumaneka ngokulindelekileyo.

“NgoNovemba noDisemba asilindelanga ngxaki, ingakumbi xa sinokuqhubeka sikhusela ezi zikhoyo iinkukhu, inyama yenkukhu besiyigcinile sisenzela le meko, ngoko asinayo ingxaki,” kutsho uBreitenbach.

Uhambisa athi ingxaki ayikapheli kodwa lihle ngokucacileyo izinga lokosuleleka kweenkukhu ngokutsha. “Sifumene amaqanda atyetyisiweyo asuka kumazwe angaphandle akumashumi amane anesithandathu ezigidi, ngoko ke asoze sibenengxaki ade amafama avuselele imveliso ngokupheleleyo,” kucacisa uBreitenbach.

Oonokrawuzana bebesele beqalisile ukubika imbiba bebika ibuzi ngale ngxaki yesifo somkhuhlane weenkukhu. “Ukufundiseka kwamafama ngeendlela zokulwa nezifo, ukuthotyelwa kwemiqathango emiselwe nguRhulumente kuncedile ukunqanda ukunwenwa kwesi sifo kumanye amaphondo,” uhambisa atsho uBreitenbach.

Omnye wemiqathango kaRhulumente unyanzelisa amafama ukuba angazamnkeli iinkukhu eziphuma ngaphandle, angavumi ukuba iinkukhu zawo zidibane nezinye iinkukhu.

“Ngomso umhla wamashumi amabini kule yeDwarha ndizakuba ndithetha nekomiti ejongene nezolimo epalamente, sizakuba sibacacisela ngomgama osele uhanjiwe ukunqanda esi sifo,” kutsho uBreitenbach.

Uthi inyanga yoMsintsi yeyona ibaswantsulise kakhulu ngenxa yesi sifo, oku kubangele ukuba amafama alahlekelwe ngamandla.