Uzakuvulwa kwakho umzi mveliso wenyama yenkukhu iRainbow eHammarsdale eThekwini. Oku kusemva kokuba uRhulumente kazwelonke ethe wangenelela encedisa ukuvulwa kwalenkampani. Ukusukela ngonyaka ka2017 inkampani evelisa inyama yenkukhu iRainbow Chicken eHammarsdale yavala iingcango ngenxa yenyama yenkukhu ebisuka kumazwe angaphandle.
Ngethuba lokuvala kwayo lenkampani kwakusele kuphele iminyaka elishumi amafama avelisa inyama yenkukhu eMzantsi Afrika enyamezele ukungeniswa kwenyama esuka ngaphandle.
Ilizwe laseBrazil belihamba phambili ngokugalela inyama kweli loMzantsi Afrika. Ukungenelela kwe ofisi yoMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uThoko Didiza kwakunye noMphathiswa wezorhwebo noshishino uIbrahim Patel kuze esi sisombululo.
Yimisebenzi engaphezu kwewaka eyathi yaphela kwabo babeqeshwe yiRainbow Chicken eHammarsdale kuphela ngelo xesha. Kuthwa ingaphezu kwamawaka amathandathu imisebenzi eyathi yaphela kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe ngenxa yokuvala kwale nkampani. Ukungena kwenyama yenkukhu esuka kwamanye amazwe kwanyanzela iinkampani ezivelisa inyama yenkukhu kweli ukuba ziphungule abasebenzi.
Ngonyaka u2019 isicwangciso sokuveliswa kwenkukhu kweli samiselwa ngeenjongo zokuba likhule ishishini lokuvelisa inyama yenkukhu. Esi sicwangciso sasijoliswe ukubuyisa uzinzo nokuvuselela ngamandla indlela ekusetyenzwa ngayo ngamafama avelisa inyama yenkukhu eMzantsi Afrika.
Injongo yesi sicwangciso yayikukudala amathuba emisebenzi ekumawaka amahlanu ngelizama ukuthatha inxaxheba ekukhuliseni imeko yoqoqosho loMzantsi Afrika. Ukukhuliswa kwemizila emitsha yorhwebelwano namazwe angaphandle kwakuyinxalenye yesi sicwangciso.
Ukuzalwa kwesi sicwangciso kwalandelwa kukuvelwa kwesifo seKhorana esabangela inguqu enkulu kwintlalo ngoku kodwa kwimveliso yeenkukhu. Oku kwabangela ukuba okuninzi okwakucwangcisiwe kulibaziseke kunanamhlanje oku, kungoko ekhala amafama avelisa inyama yenkukhu.
Inkampani yakwa Rainbow Chicken ibekele bucala imali ekwizigidi ezingamakhulu amabini ngeenjongo zokukhulisa umsebenzi wabo. Kuthwa ngonyaka ka2024 lenkampani ineenjongo zokukhulisa iimveliso yayo yenyama yenkukhu ngemali ekumakhulu amathandathu ezigidi zeerandi.
Zizithuba zemisebenzi ezingamakhulu amahlanu ekulindeleke ukuba zivuleke kwesi sigaba sokuqala salo msebenzi. IRainbow Chicken kuzwelonke kuquka nase Hammarsdale ibisenza ukuba abantu babeke isonka etafileni emakhayeni wabo, logama ibikwa khulisa amafama avelisa inyama yenkukhu.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!