UNjingalwazi Servaas van der Berg weYunivesithi yaseStellenbosch uthi kukho ithemba lokuba ziza kuba zihle iziphumo zikaGrade 12, ingakumbi kwizibalo nenzululwazi.
Uthi oku kuza kuphendula isikhalo sabaninzi sokuba imfundo yeli xesha ayikwazi kuvelisa abantwana abathatha inxaxheba ngokucacileyo kuphuhliso lwenzululwazi.
NgoMvulo umhla weshumi elinesithathu kule nyanga, uMphathiswa weSebe lemfundo esisiseko, uSiviwe Gwarube, uza kuba esamkela ngokusemthethweni ezi ziphumo ukuze zigqithiselwe kwiinqununu zezikolo kamva.
“Kuchithwa ixesha elininzi kuzanywa ukuphucula iziphumo zikaGrade 12 ngokuthe gabalala, lincinci ixesha elichithwa kwizifundo ezithile ezibalulekileyo,” kutsho uNjingalwazi van der Berg.
Ubalula ngokukodwa ukuqatshelwa kwesifundo ngasinye ukuze kuphucuke iziphumo ngokubanzi. “Izinga lokuqonda le nto bayifundayo alifikeleli kule ndawo kumele ukuba lifikelela kuyo, ingxaki kukupasiswa kwabo ngamaqondo aphantsi,” kutsho uvan der Berg.
Uhambisa athi ukungafundiswa ngokukuko kwezifundo zezibalo nenzululwazi kumabanga aphantsi kuchana abantwana kwinqanaba eliphezulu lokufunda kwabo.
“Oku konke kuthetha ukuba kumele ukuba kuphekwa amacebo amatsha okunceda aba bantwana ukuze baphumelele ngokukuko ingakumbi kwizifundo zezibalo,” kutsho uvan der Berg.
UMphathiswa weSebe lemfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uthembisa ukuba iphondo lakhe liza kubuya namashumi asibhozo anesihlanu eepesenti ekhulwini kwezi ziphumo kulo nyaka. Ingxelo yeofisi kaGade ithi kusetyenzwe nzima ngootitshala nabantwana kwizikolo zeMpuma Koloni kunyaka ophelileyo.
IMpuma Koloni ithe gqolo ukunyusa izinga lokupasa kwabafundi bakaGrade 12 kule minyaka igqithileyo emva kokuba belikhe alaqhuba kakuhle ngaphambili.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!