Nto zimnandi, hay’ithemba Nto ziyonwabisa hay’ ithemba Ngumomelezi wemiphefumlo eyonakeleyo Sihlobo esingabonwayo Silw’amadabi’anzima
Lincoko lendab’eziphilisayo Mthembisi weminqweno utsho wonwabe Mniki themba kwabagulayo Liyimfuneko kumntu wonke Ongenalo uhle’ekhalaza
Onalo ngonethamsanqa Likunik’ukuzithemba Likunik’ ukuthenjwa Lisus’ubumnyama kuvel’ukukhanya Likhulu linamandla
Onal’uvakala selethetha Akaligcini kuye unika nabanye Linwen’okomlilo liyosulela Litsho liphilise abaninzi Ngethemba unento yonke
Mfihlo eviwa ngumniniyo Sixhobo nomomelezi kwabakhulayo Mphelisi wamaxhala nokoyika Mniki mfuneko yokuphila Ungazilahla zonke,hay’ithemba
Iyangcwatywa inkosikazi yaseDutywa ebhaqwe eGqeberha itshisiwe!