Ithinjiwe iteksi emva kokuba umqhubi exinanise abantwana besikolo

EKAPA: ITHINJIWE iteksi yomqhubi othutha abantwana besikolo emva kokuba ebanjwe ngamagosa ezendlela exinanise abantwana abangama-28 kwisithuthi esenzelwe abantu abayi-16 ngoLwesithathu.


Lo mqhubi waseKraaifontein wohlwaywe iR8 000, iR500 ngabantwana abayi-12 ebengavumelekanga ukubakhwelisa. Iteksi yakhe inqunyanyisiwe endleleni. Kuzakuthatha inyanga ukuyibuyisela.


Ilungu lekomiti yezokhuseleko uJP Smith uthe kuye kwanyanzeleka ukuba igosa lendlela libakhaphe ngenyawo ukuya esikolweni aba bantwana.


“Iinjongo zolu gqogqo kukuqinisekisa ukuba izithuthi ezisa abantwana ezikolweni zisemgangathweni kwaye zikhuselekile nokuba abaqhubi baselungelweni lokuqhuba yaye bayawuthobela umthetho wezendlela. Sizakuhlala sisenza ngolu hlobo ngoba kubalulekile ukuba bafike ezikolweni abantwana,” utshilo.


USmith uthe lo mqhubi wohlwaywe neR3 000 ngokungabi nampepha zokuqhuba.


Ilungu leNeighbourhood Watch yaseKraaifontein uLungelo Booi ufunge wamunca iintupha esithi unotshe ayiphinde yenzeke into enje kule ngingqi.


“Sizakuzijonga zonke ezi zithuthi zikhwelisa abantwana ukuya ezikolweni. Sizakucela imvume yokwenza emapoliseni nakoonoteksi. Kudala yenzeka le nto yokuxinaniswa kwabantwana bethu. Ngoku kufike ixesha lokuba mayiphele,” utshilo.


Umzali womntwana ofunda kwisikolo samabanga aphantsi iWallacedene eKraaifontein, uNothemba Zwelibanzi, uthe ibuhlungu into eyenziwa ngabaqhubi abaxinanisa abantwana ngenxa yokuthanda imali kwaye ibeka ubomi babantwana esichengeni.


“Nomntwana wommelwane wam ukhwela kwesa sithuthi. Ngentlahla ebengayanga esikolweni ngoba ebesiwe kwagqirha. Khawufane ucinge intlekele ibenokwehla apho xa bekunokuvela ingozi. Eyona nto indenza ndibenexhala ngakumbi kukuba nowam umntwana usebenzisa isithuthi,” utshilo.


I-Equal Education seyiqale iphulo lokukhapha abantwana abaya ezikolweni eNyanga.

michael.nkalane@inl.co.za