Ithontsi lentsikelelo lenze umonakalo

Imvula yintsikelelo, kodwa ukuphazamiseka kwentlalo ngenxa yayo kubangela inkxwaleko kwabo bebeyithandazela.

Kuphazamiseke umbane iiyure eziliqela kwavaleka iindlela eKomani, eZibeleni naseLady Frere ngengxa yemvula enethe ngamandla kwezi nginngqi ukusukela ngentseni yangoLwesihlanu.

Ingxelo yezanuse zezulu idize ukuba, iingingqi ezifumene imvula ephezulu kweli leMpuma Koloni ziquka i-Aliwal North, Komani, Kaladokhwe kunye neRhafu. Ezi ngingqi zifumene imvula ethathe isithuba seeyure ezintandathu igalela ngamandla ukosula elo shwangusha lembalela ibibharhise ilizwe.

Othethe egameni lezanuse zezulu eMpuma Koloni uGarth Sampson ukungqinile oku esithi le mvula ifike yenza umahluko.

Idolophu yaseGraaf Reniet ifumene imvula ephezulu kunazo zonke ezi dolophu ngamaqondo aphaya kumashumi amabini anethoba emilimita, ilandelwa yiKaladokhwe ngamashumi amabini ananye eemilimita kuze kugqibele iKomani ngamashumi amabini kuphela eemilimita.

Kumhlaba ububharhile lemvula yenze umahluko ngenene, kuba kukudala unxaniwe uhlininika umbi. Ngenxa yokunqongophala kwemvula umasipala wesithili saseChris Hani umisele imiqathango kwindlela yokusetyenziswa kwamanzi. Idolophu yaseMonti, Rhini nePatensie ziphakathi kweedolophu ezithe zafumana amaqabaza empukane ngeemilimita ezihamba kwisithandathu nangaphantsi.

Amagosa kamasipala anyanzeleke ukuba agutyule umhlaba odudulwe yimvula nothe wavala iindlela eziphambili kwezi dolophu.

Ajike emdaka amanzi kwimilambo equka iCacadu neQhugqwarhu, kwaye oku kunyuse umthamo wamanzi kumadama aphambili aquka iXonxa kwakunye neLunweleni.

La madama ngawo ondla idolophu yakuKomani ngamanzi, iingxelo zakutshanje kula masipala zidize ukuba uhle ngokumandla umthamo wamanzi.