Ithuba lesibini kwabatshone uGrade 12

NGOMSO iphondo laseMpuma Koloni, ngokufanayo namanye amaphondo, lizakubhengeza ngokusesikweni iziphumo zikaGrade 12 wonyaka ka2017.

Sithi huntshu kwabo baphumeleleyo, bedlulela kumgca olandelayo besiya kufunda eyunivesithi okanye ekholejini.

Ukuba awumphumelelanga uGrade 12, ungalahli ithemba kuba isebe lezemfundo linenkqubo eliyilungiselele wena.

Isebe lezemfundo layila inkquleqhu ekuthiwa yiSecond Chance Matric Programme.

“Le nkqubo inemilenze emithathu. Inemilenze emithathu nje kukuba sijongene nabantwana abonyuselweyo, abo bangaphumelelanga kuGrade 12 kwanabo banikwe ithuba lokuxabangela,” kutsho isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima.

UMtima uthi le nkqubo ijolise ekunikeni ithuba lesibini, nanjengoko negama layo lisitsho, kubafundi abangaphumelelanga uGrade 12 kwaye iqhutywa isithuba esingangonyaka.

“Kukho iimvavanyo (tests) abazibhala rhoqo ngenyanga kwaye banootitshala babo abakhethwe lisebe kwizithili ezilishumi elinesibini kweli phondo leMpuma Koloni,” utshilo uMtima.

UMtima uthi umfundi ofuna ukuzibandakanya nale nkqubo angatyelela isikolo ebefunda kuso okanye isithili eso sakhe.

Kusenjalo, namhlanje ngokuhlwa uMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke uAngie Motshekga uzakubhengeza ngokusesikweni indlela aqhube ngayo amaphondo kwiimviwo zikaGrade 12 ka2017.

Kulo msitho kaMotshekga kukwaquka nokubhengezwa kwabafundi abaphumelele emagqabini ngokohlukana kwamaphondo abo.

Kwangalo mxhelo mnye, uMphathiswa wezeMfundo kweli phondo uMandla Makupula, uzakubhengeza ezakhe iimviwo ngokusesikweni kumsitho ozakubanjelwa kwiziko i-East London Education Leadership Institute eStirling eMonti ngentsasa yangomso (Lwesihlanu).

Emva kokubhengeza ezi ziphumo, uMakupula uzakuzimasa umsitho wokuwonga abafundi bephondo abaphumelele emagqabini ngokuhlwa kwangomso kwihotele i-ICC kweli leMonti.

IMpuma Koloni ibirhuqa emsileni xa ithelekiswa namanye amaphondo kwiziphumo zikaGrade 12 ka2016 emva kokuba eli phondo lizuze * -59.3 weepesenti, impucuko ka-2.5 weepesenti xa kuthelekiswa no-56.8 weepesenti ka2015.

Ethetha noonondaba nyakenye malunga nokungaqhubi kakuhle kwephondo, uMakupula wathi: “Kubalulekile ukuqwalasela umsebenzi omkhulu esiwenzileyo silisebe. Ngokomzekelo, umfundi wokuqala omnyama othe watshatshela kwilizwe liphela ebephuma apha kweli phondo. Lowo nguLuvo Luzipho wase-St James kuCofimvaba owabhengezwa ngonyaka ka2014 njengomfundi wokuqala omnyama ogqwesileyo phantsi kwenkqubo yentando yesininzi.”