Okwezoshishino nokwalitshantliziyo ekulweleni uphuhliso kwakunye noxhatshazo lwabantwana namanina kweli phondo, uAnelisa Zono, uthi ukubona umntu, ingakumbi omtsha esiwa evuka kuba efuna ukutshintsha imeko yakhe yokuphila, kodwa kungade kubekho mtyhi oko kumophula umphefumlo.
UZono kungoko ethe wachukumiseka weza necebo apho kuza kuthi kuwongwe oosomashishini abasakhasayo baseMpuma Koloni kwiEastern Cape Hustlers Awards, ukuze bakwazi ukuqwalaseleka kwaye kubekho nento ebakhuthazayo kwiinzame zabo.
“Eli phulo lichukuyiswa ziinzame zoosomashishini abasokolayo abangade babone impilo yabo iphumelela okanye befumana umtyhi obakhokela kumadlelo aluhlaza. UMzantsi Afrika ujongene nomngeni wabantu abangaphangeliyo kwanokunqongophala kwamathuba enkxasomali kwabo bayidingayo,” utshilo uZono.
UZono (30), oseMonti, eyinzalelwane yaseDutywa, intsokolo uyazela kuye ekukhuleni kwakhe njengoko ekhula engenabo abazali. Uthi ukungabinabazali ekukhuleni kwakhe kumenze womelela kuba uye wakwazi ukuzimela kwaye wanenjongo ngobomi kwangethuba.
“Ndiyayazi intlungu yokubangazama ubomi obungcono kungade kuvuleke. Esi sesona sizathu sokuba ndiphakamise abafana nam.”
Ezi Eastern Cape Hustlers Awards kulindeleke ukuba zibe sekuqaleni kunyaka ozayo u2023. UZono, ukhuthaza uluntu ekubeni lungene njengoko uninzi lwakuthi lube sethubeni elingcono lokuphucula impilo yalo.
Ezi mbasa azikhethanga bani kwaye zingakhethanga bantu baneminyaka emingakanani, nabani na uvumelekile ukungenela njengoko esithi uZono nayo indlala igquba kumntu wonke ayinaminyaka. Uthi bajonge ukuphakamisa lonke iphondo, kungoko bengakhethi minyaka itheni kwaye nabani na ozizamelayo.
Eli phulo ulenza esebenzisana neKumkani fm, Montywood kwakunye noMasipala wakhe uMbashe.
UZono uvale ngelithi “xa wonke umntu enento yokwenza kwaye ekwazi ukubeka ukutya etafileni, ubundlobongela obukhoyo namhlanje ngebungekho kweli zinga. Kwaye ukuba bekukho into yokwenza wonke ubani ebeza kuphakama abe nento ayenzayo ngobomi bakhe.”
Kumaphulo awenzayo, eli gqiyazana liye lisebenzise kulo empokothweni.
Ubhaliso longenelo luqalile ngomhla wesithathu kule nyanga sikuyo noluza kuvalwa ngomhla weshumi (10) kwinyanga kaDisemba. Imibuzo malunga nolu khuphiswano nanku uWhatsApp: 078 9263513 okanye ukhangele uEastern Cape Hustlers Awards kufacebook kungenjalo ifomu yongenelo ku: ww.hawards.co.za.
UZono kuninzi asele ekuphumelele kule minyaka akuyo, nesingabalula okufana nokubanguMongameli weEC Youth Chamber of Business, Co- Founder of Amathole Film and Media kwakunye nezinye.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8