IThunderbirds inethuba lokuphumelela iSasol League!

IThunderbirds Ladies yaseGcuwa isahleli kwindawo yokuqala kuluhlu lwamaqela eSasol League.

Nangona iqela laseMnquma, iThunderbirds Ladies, inethubeni elihle lokuphumelela indebe yeSasol League kule sizini, kodwa umqeqeshi wayo, uThembalethu Apleni, akaboni njalo.

Yimidlalo mithathu eseleyo phambi kokuba isongwe isizini. Ihleli kwindawo yokuqala iThunderbirds kwiSasol League inamanqaku angamashumi asixhenxe anesithathu (73).

Lona iqela laseBhayi, iCity Lads, lihleli kwindawo yesibini kwiSasol League inamanqaku angamashumi amathandathu anesithandathu (66).

ILads isalelwe yimidlalo emihlanu yonke xa ithelekiswa nemithathu eselele iLadies ebethwa ngumoya phezulu.

Loo midlalo iyamxhalabisa uApleni njengoko esithi kusekude egqinibeni. Ayikacaci indebe yeSasol League ukuba iya kweliphi icala okwangoku.

Omabini la maqela anembali yokubetha kwanto ephambi kwawo ze kube nzima xa kuqubisana wona.

Kangangokuba iLads iphulukene nomdlalo omnye kwimidlalo engamshumi amabini anesithathu esele iyidlalile kule sizini.

Kuloo midlalo, iLads ibethelwe ebaleni layo yiThunderbirds Ladies egacele amanqaku asixhenxe kuphela kwimidlalo emithathu eshiyekileyo ukuze ibe ziintshatsheli.

“Iza kuba nzima le midlalo ilandelayo kuba abadlali bethu babhala iimviwo zokuphela konyaka,” kutsho uApleni.

Lo nto ichaza ukuthi abadlali abazukwazi ukufumaneka bonke njengoko bekuqhele ukubanjalo. Enye yezinto ezinika umdla yeyokuba la maqela mabini aseza kudlala omabini eGcuwa kumdlalo wokuvala isizini.

Ngale mpelaveki, mnye umdlalo oza kudlalwa kwiSasol League; ngoweGolden Stars edibana neCumakala FC.

Iziphumo zeSasol League:

City Lads 3-1 Amanqilo Sophakama 5-1 Golden Stars; Bashee Eagles 0-4 Eastern Rangers; Red Roses 2-1 Highbury; UFH 2-1 Eluhewini; Thunderbirds 3-1 Executive; Birmingham City 4-0 Cumakala.