Imvumi negqala lomculo ka- Maskandi uNkunz’eMdaka uthi limfiliba ikamva lomculo wabo ngenxa yokungenelela kwempucuko yeKhompyutha emculweni.
“Ingxaki siyacula ziphume iingoma, umculo awuthengwa kuba abantu bawuthatha kwiKhompyutha bangawuthengi evenkileni, ngoko akukho mali ingenayo kuthi nakwiinkampani,”utsho uNkunz’emdaka.
Le mvumi negama layo lakokwayo inguMlindelwa Mralatya ikhuphe amacwecwe angaphezu kwamashumi amathathu ukusukela ngonyaka ka 1985.
“Ndingatsho ndithi, kuthi zimvumi eli lelona xesha libi kakhulu kuba thina siphila ngokwenza imali ngokucula sonwabise abantu senze imali, ke ngoku xa kunje asikwazi kuphila,”uthethe watsho uNkunz’emdaka.
Ngamaxesha okuqhuba kakuhle kwalo mculo kweli ingekafiki le meko yokubiwa kwalo mculo eziKhompyutheni, le mvumi ibikwazi ukujongana neengxaki zosapho layo.
“Ndakhe umzi, ndifuyile, ndikhulise abantwana ngalo mculo, ndenze zonke iingxaki zekhaya ngemali endiyifumene kulo mculo kaMaskandi, kodwa ngoku kunzima akukho nto ingenayo,”utshilo uNkunz’eMdaka.
Lo kaMralatya uphumelele iimbasa ezintlanu ngenxa yeengoma zakhe ezincamise umxhelo ukusukela oko waqala ukucula olu hlobo lomculo.
“Phaya kwiiSATMAS ndiphumelele imbasa, nakwezinye iindawo endingazaziyo ngoku, kodwa zintlanu zizonke iimbasa endinazo,”utsho uMralatya.
Olu hlobo lomculo luphuma kumculo wombhaqanga oneengcambu zawo zikweli loMzantsi Afrika ukusukela ekuqaleni kweminyaka yoo 1980.
Kuninzi leengoma zayo le mvumi imemelela uxolo nenzolo kwintlalo yabantu boMzantsi Afrika nehlabathi ngokubanzi, kwezinye ukhuthaza uthando lasemakhaya.
“Kukho ingoma ethi, mxoleleni uJacob Zuma, kuyo ndandicenga abantu ukuba baxolele uZuma ngela xesha wayenamatyala kuba thina asithathi cala kwezi zinto xa zisenzeka,”uthethe watsho uNkunz’emdaka.
Lo kaMralatya ufundise iimvumi eziye zalandela emva kwakhe eziquka uNjemboqo uSalabemsuma nabanye abaninzi.
“Ukuba lingakho ithuba lokuba sishicilele kwakho singaqalisa ukwenza oko kuba zikhona iingoma ezihleliyo esinokuzifaka ematshinini nanini,”utshilo uNkunz’emdaka.
Uthi icwecwe lakhe lokuqala elithi “iBhubesi lehlula amadoda” lelona lisahleli limkhuthaza kumsebenzi wakhe.
“Mna ndiqamba ngenxa yokuqhutywa yinkenkqe, ndiphethwe lithongo ngolona hlobo, zonke ezi ngoma zifuthelwa lithongo nemvakalelo eyodwa,”utsho uNkunz’emdaka.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo