ISEBE leANC elibizwa njengeTiyo Soga eMnquma liphumele elubala lisithi lixhasa igama likaOscar Mabuyane njengomntu ofanele ukuba ngusihlalo walo mbutho eMpuma Koloni emva kwenkomfa ezakubanjwa embindini walo nyaka.
Oku kuza nanjengoko usihlalo weANC kweli phondo uPhumulo Masualle evakalise ukuba angakwamkela ukukhokela lo mbutho njengosihlalo ityeli lesithathu. UMabuyane ukwityeli lesibini njengonobhala weANC kweli phondo.
ITiyo Soga lisebe eliquka idolophu yaseGcuwa kwaneendawo ezifana naseSkiet, Extension 6 nase-Extension 7.
Inkokeli yeANC kwisebe iTiyo Soga ithi iphulo lokuxhasa uMabuyane liqhuba ngamandla phantsi komqheba wamaqonga onxibelelwano othi #OM17.
“Sixhasa uMabuyane kuba uyinkokeli esiyithembileyo ezakusenzela ilizwi kwiphulo lethu likazwelonke lokuxhasa uRamaphosa.
“UMabuyane yinkokeli esiyithembe kakhulu futhi enesakhono sokumanya amasebe eANC kwiphondo liphela,” itshilo le nkokeli.
Noxa nje iinkokeli zeANC eAmathole kukholeleka ukuba zohlukene phakathi malunga nenkxaso yazo kwiinkokeli zephondo, I’solezwe likholelwa ukuba amasebe aliqela kule ngingqi aqhuba iphulo lokuxhasa uMabuyane.
Ethetha nephephandaba I’solezwe kutshanje uMabuyane uthi amalungiselelo enkomfa yephondo aqhuba kakuhle.
UMabuyane uthi umhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, lusuku lokugqibela lokuphononongwa kobulungu babo baselungelweni lokuthabatha inxaxheba kwinkomfa yephondo.
Xa kuqwalaselwa kwifuthe lenkomfa yeANC kazwelonke ezakubanjwa ngenyanga yoMnga, ubukhulu becala amasebe eANC eMpuma Koloni antlantlo-mbini, kukho abaxhasa uNkosazana Dlamini-Zuma nabaxhasa uCyril Ramaphosa kugqatso lwabo lobumongameli.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!