Itshabalalise indlu yomhlolokazi itekisi

UMasithembe Dumezweni kunye nomama womntwana wakhe abasinde kwitekisi engene endlini belele ePhilippi Browns Farm

Ibulela izinyanya nomdali inkosikazi yaseKhayelitsha koo-TR eKapa emva kokutshatyalaliswa kwendlu yayo yitekisi efike bekobude ubuthongo.

UNtombekhaya Thomas noneminyaka engamashumi amahlanu anesine ubudala, uxelele I’solezwe ukuba ibizizithuba zentsimbi yesithathu ekuseni ngethuba esiva isithonga esikhulu.

“Ndothuke ebuthongweni itekisi ingaphakathi kwelinye lamagumbi, ukuba inqandwe yintoni ukungena kwelo besilele kulo nguMdali kuphela owaziyo,” utshilo uThomas.

Okubuhlungu kukuba nanjengoko itshabalalise zonke izinto ebezisekhitshini kunye neesofa kuza kunyanzeleka ephinde wazithengela yena kuba umqhubi wetekisi khange eme koko uye wabaleka.

“Khange ndikwazi ukuyibona kuba bendivaleleke kwelinye igumbi kuba kaloku ngelithuba itshayisa ezinye izinto ziduduleke kule ndlu besilele kuyo savaleleka ngaphakathi, naye ke khange abe nabuntu kuba uye wabaleka ngemoto leyo,” utshilo.

Lo kaThomas uqhube wathi akayazi ukuba uza kuthatha ntoni adibanise nantoni nanjengoko esandul’ ukungcwaba umyeni wakhe kwinyanga esisuka kuyo.

“Ndiyile erenkini kodwa bandixelele ukuba xa ndingenayo inombolombhalo yetekisi leyo akukho nto baza kundinceda ngayo.”

Emva kokuba kwenzeke esi sehlo abahlali bale ndawo baye bavala indlela ngelithi bafuna abaqhubi betekisi bazokusabela. UNonceba Tolbadi nongumhlali uthe isizathu sokuba bavale indlela kukuba bafuna abaqhubi betekisi bakhuphe nokuba babini kubo bazokusabela kwaye bachaze ukuba baza kuzithenga nini na izinto zalo mhlolokazi kuba itekisi yona yeyabo.

“Yeka nje ukuba besithi abayazi kodwa yeyabo, ngoku lo mama kuthiwa makathini yena, akanayo nendoda ebiza kumncedisa ukuthenga ezi zinto zitshatyalaliswe yile tekisi.”

Watsho esithi ayisosehlo sokuqala apho itekisi zithi zitshabalalise indlu yalo mama. “Ukuba ndikhumbula kakuhle inokuba kokwesithathu ngoku, amanye amatyeli la umyeni wakhe ebesaphila bebencedisana ukuthenga izinto zabo,” utshilo uTolbadi.

Watsho esithi bangavuya xa abantu benokuphosa esivivaneni kuncedwe lo mama. “Kunyanzelekile elele kwakhe kuba kaloku xa ungumhlolokazi awuhambi ulala, asikwazi nokuthi siza kube simnika indawo yokulala,” utshilo uTolbadi.

Kusenjalo, enye itekisi ingene emkhukhwini ePhilippi ngezithuba zentsimbi yokuqala ekuseni ngethuba abanikazi bayo belele.

UThandokazi Gamalitshoyo noneminyaka engamashumi amabini, uxelele I’solezwe ukuba ebelele notata womntwana wakhe ngethuba besiva isithonga sokutshayiswa kwendlu yabo.

“Ekuqaleni ndiqale ndacinga ukuba ziimfene kuba ndandikhe ndeva kusithiwa zimane zikhwela ngaphezulu kwezindlu, kodwa sothuka xa sivula amehlo sibona ezinye izinto ziwile endlini kwaye nebhedi le sasilele kuyo idudulwe kukutshayiswa oko,” utshilo uGamalitshoyo.

UMasithembe Dumezweni noneminyaka engamashumi amabini anesithoba, uthe akayazi ukuba basinde njani na.

“Xa kusithiwa imini yokufa ibingafikanga kuthethwa ngale ibifikele thina kwaye ibiza kusitshayisa entloko sobathathu, kodwa ke uThixo namanyange abavuma nobomi bethu,” utshilo uDumezweni.

Nangona bona bekwazile ukufumana inombolombhalo yetekisi, bathe xa befika erenkini yaseNyanga baxelelwa ukuba ayaziwa makhe bajonge kwezinye iindawo nanjengoko uCata ekhona nakwiindawo ezifana neStrand, Paarl ukubala nje ezimbalwa. UThomas yena ebendwendwele irenki yaseKhayelitsha nephantsi kweCodeta.