Itshe yaluthuthu indoda

Intlungu engathethekiyo ibhalwe ebusweni kusapho lwakwaBegala kwilali yaseLuhewini eNgcobo emva kwesihelegu sokutsha koronta weli khaya kwabhubha indoda egama linguXola Begala.

Olu sapho lunezindlu ezimbini, ngale mini yesehlo amanye amalungu osapho abehleli kwenye indlu bebukele umabonkude ngelixa unyana weli khaya uBegala (27) elele kuronta.

Ngokwengxelo yosapho uBegala ubengumntu odla kukuhlaselwa sisifo sokuxhuzula nto leyo abathi ibiye imenze adinwe akhawuleze ayokulala.

Emva kwexesha elele uBegala umama wakhe uye waphuma esiya kujonga endlini, kuye kwalapho ahlangabezene namadangatye ephuma ngeefestile nangomnyango.

Uthi ubukhulu bala madangatye bebubonakalisa ukuba kudala uqalile lo mlilo, unobangela wawo awukaziwa. Zonke izinto ezibalulekileyo zeli khaya bezihlala kulo ronta yaye zitshe zaphelela apho, kungoku nje lonke usapho alunazincwadi zezazisi kunye neziqinisekiso zokuzalwa kwabantwana.

Ukongeza kwintlungu yokwazi ukuba unyana weli khaya usweleke ngendlela emasikizi ngolu hlobo, olu sapho luphila ngemali yesibonelelo sabantwana lukwajongene nomgeni wokuba bazakuthatha ntoni badibanise nantoni ukuze kungcwatywe le ndodana.

NgoLwesihlanu umbutho weANC kwingingqi yaseChris Hani undwendwele olu sapho.

ULizeka Bhonga ovela kulo mbutho uthi bazakufaka isandla bancedise ngeendleko zabangcwabi kuquka intente nezitulo.

Ukwathi bazakunkqonkqoza nakwamanye amasebe karhulumente ukuba bafake isandla nangantoni na abanayo ukuncedisa olu sapho.

Uceba wendawo uMbuyisi Gqithiyeza umemelela abahlali noosomashishini ngokubanzi ukuba kufakwe isandla.

Usapho luceba ukungcwaba le ndoda ngomhla we18 kule nyanga.